Avuselelwa ishedi yokucheba amafama aseCacadu

Abahlali baseCacadu kwindawo yaseMount Arthur bathi buza kuba lula ubomi kubo ngoku bengamafama emva kokuba beza kuthi bavuselwe ishedi yokucheba iigusha zabo zoboya. Oku kuza emva kokuba inkampani iSibanye Still Water ithe yatyelela kule ndawo isabela kwikhwelo lomasipala waseMalahleni owacela inkxaso malunga novuselelo lweeshedi eCacadu. ISibanye Still Water izibophelele ngolu suku nedize ukuba iza kuvuselela iishedi ezimbini kwawadi10 nowadi 12 ibe zezale mihla, neza kuthi isebenzisane neNational Wool Growers Association.

Ongumhlali, uSilulami Mrubata, noza kuthi axhamle ekusebenzeni kwale shedi, uthi kudala bengamafama besokola, bezamana nokufumana le shedi bengade bayifumane. Uthi abawuvali umlomo kuba kwakutsho kube lula ngoku.

Baza kuqala ukusebenza kwiveki yokuqala kweyeDwarha kule shedi xa iza kube iqala amalungiselelo olwakhiwo lwayo kwanoqeqesho. UMrubata ubulele kusodolophu esithi balubonile utshitsho nabo kulo2021 ngokuba bethe benzelwa le nceba.

UVellem Gusein wakwaNational Wool Growers Association uthi baza kuqala ngomhla wesine kweyeDwarha ukusebenza. UGusein uthi baza kube beqeqesha amafama ngohlobo lokucheba iigusha. Uthi le shedi iza kuqalelwa ilungiswe ibiyelwe, ifakwe izixhobo ngaphakathi eziza kuncedisana nokuchetywa kwezi gusha, ubuhlanti obuza kube bugcina iigusha ezingekachetywa kwakunye nokufakwa kwamatanki amanzi. “Asizunishiya nyanyeni nokuba isivumelwano sesifikelela esiphelweni kuba injongo kukukhulisa amafama ale ndawo,” utshilo uGusein.

USodolophu waseCacadu, uNontombizanele Koni uthi banezidingo ezininzi bengumasipala waseMalahleni, akubi lula ukwenza yonke into ngexesha elinye. Uthi eMalahleni badume ngokuba ngamafama eegusha zoboya kodwa ingxaki abanayo, ibikungade babheke phambili. Ebulela kwabakwaSibanye abafake isandla ekuvuselelweni kwale shedi. “Siyavuya kuba uqoqosho lwaseMalahleni luyabonakala luza kubheka phambili ngenxa yoncedo olufikileyo,” uvale ngelo uKoni.