Baninzi abantu abangakwazi kufunda nangona beyile nje esikolweni kweli leMpuma Koloni nokuba bafunda into ebhalwe ngaluphi ulwimi. Ezi zizimvo zejaji kukuphiswano lokufunda, ukuhlatya incwadi nengxoxo ibiqhutywa ngamabanjwa akwintolongo zeMpuma Koloni eMonti kwiveki ephelileyo.
Amabanjwa aphuma kwiintolongo eziquka iSt Albans yaseBhayi, Sada, Mthatha, Monti naseXesi axoxe ngemicimbi eyahlukileyo logama bekwanikwa ithuba lokufunda iincwadi esidlangalaleni ngelwimi eziquka isiXhosa, Ngesi nesiBhulu.
Amabanjwa aphuma kwintolongo iSt Albans eBhayi aphume phambili kulukhuphiswano, ezakumela iMpuma Koloni eBhayi.
Enye yejaji zolukhuphiswano uNandipha Thembani uyangqina ukuba ngenene inkulu ingxaki yokungakwazi kufunda kweli.
“Xa umamele ufumanisa ukuba ngenene uphantsi kakhulu umgangatho wokufunda into ebhaliweyo, nokuba umntu ufunda ngaluphi ulwimi,”uthethe oko uThembani.
Oligosa elijongene nemicimbi yenkcubeko namathala encwadi kwisebe lentolongo kuzwelonke uFezile Sipamla uthi banika amabanjwa ithuba lokuba avelise izakhono zawo.
“Kuzwelonke sinesivumelwano nesebe lemfundo ephakamileyo ngenjongo zokuncedisa amabanjwa ukuba afunde, ngeliphulo sithatha inxaxheba kwi-International Literacy Week, sifuna bakhuthale ekufundeni, ekuhlalutyeni incwadi nakwingxoxo ezakhaya,” uthethe watsho uSipamla.
Ngokwengxelo ngamashumi amathathu anesithandathu amaqela okufunda incwadi athi asungulwa kwintolongo zeli leMpuma Koloni.
Igosa elijongene nemicimbi yohuhliso lamabanjwa kwintolongo zeMpuma Koloni uClaudette Van Zyl uthi eliphulo lokufunda, ukuxoxa nokuhlalutya incwadi liyabanceda nabo.
“Sinamaziko angamashumi amane anesihlanu apha ephondweni, kuzo zonke ezindawo ngamashumi amahlanu epesenti ekhulwini ala maziko anamaqela athatha inxaxheba kweliphulo,”uchaze oko uVan Zyl.
Inenekazi eliseluvalelweni uDesire Kleyn uthi bayaxhamla ngenxa yale nkqubo logama badontsa izigwebo zabo.
“Ukufunda kwenza ukuba uphile ubomi babantu abaliwaka ngexesha elinye,ngoko lenkqubo isinceda ukulwa isithukuthezi sizixhobise ngendlela ezintsha zokujongana nobomi,”uthethe watsho uKleyn.
Iincwadi ebezifundwa apha ziquka incwadi kaMcebisi Nkohla ethi “Ngenxa Yesithembiso” nethi “Dancing in the Dust” ebhalwe nguKagiso Mohaphe nezinye ezininzi.
Ingxoxo yalamabanjwa ibigxile kwingxaki zentlalo eziquka ukutshiswa kwezakhiwo zikarhulumente mhla ngoqhankqalazo.
Amaqela aphumelele kumanqanaba ahlukileyo azakumela iMpuma Koloni kukhuphiswano lukazwelonke eGeorge kwinyanga ezayo.
siyabulela.mqikela@inl.co.za
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?