ISebe lezolimo nophuhliso lamaphandle kweli lidize ukuba akukho mbuyekezo izakufunyanwa ngamafama avelisa iinkukhu emva kokuba zibulewe iinkukhu zawo.
Ezi nkukhu zibulewe emva kokuba kuvele umkhuhlane weenkukhu obangele ukuba kubulawe iinkukhu ezingaphezu kwezigidi ezisixhenxe.
Oku kusemva kokuba Umbutho wamafama avelisa iinkukhu iSouth African Poultry Association (SAPA) ibongoze uRhulumente ukuba awabuyekeze amafama weenkukhu.
Amagosa aphezulu kwiSebe ekunye neenkokheli zeSAPA avele phambi kwekomiti ejongene nezolimo ePalamente ngelizama ukuxoxa ngale ngxaki.
Le komiti ixelelwe banzi ngeengxaki ezambethe amafama weenkukhu emva kokubhubha kweenkukhu ngenxa yalo mkhuhlane.
Ukubulawa kweenkukhu kubangele ukuphunguka kwemisebenzi nokuhla kwezinga lezoshishino. Amafama eenkukhu enze ingxolo kwa ngoko ebongoza ukuba abuyiselwe iinkukhu zawo ezibulewe ngenxa yesi sifo kwanezo azibulele ngenxa yokoyika ukuhlaselwa sesi sifo.
Othethe egameni leSAPA uIzaak Breitenbach uthi umkhulu umonakalo ozakwenzeka kumafama weenkukhu. “Kuzakuthatha iinyanga ezilishumi elinesixhenxe ukuba imeko yamafama weenkukhu ibuyele esiqhelweni, ngenxa yoko kuzakunyanzeleka ukuba amaqanda nenyama yeenkukhu aqhubeke efunwa kwamanye amazwe,” kutsho uBreitenbach.
ISAPA ithi amafama mawanikwe uncedo ukuze azokukwazi ukubuyela kumsebenzi wawo wokuvelisa inyama namaqanda weenkukhu.
“ISebe liyithethe yacaca eyokuba alizukukwazi ukubuyekeza amafama nokuba kunini, ngoko ke akukho mali yembuyekezo izakunikwa amafama ngenxa yale ntlekele,” kucacisa uBreitenbach.
Ethetha ngombutho wawo iSAPA amafama weenkukhu kweli athi alahlekelwe ngamandla, kwaye ingxaki yokucima kombane yongeze ngamandla enxebeni. “Amaxabiso aphezulu okutywa kweenkukhu, iindlela zokuvelisa amaqanda nokuwafudumeza ukuze azale zezinye zeengxaki eziphambili,” kutsho uBreitebach.
UBreitenbach ubongoza iSebe ukuba likhangele ezinye iindlela zokwenza izinto ukuze likwazi ukufikelela kwiingxaki zamafama eenkukhu noluntu ngokubanzi.
“Ukungavumi kukaRhulumente ukubuyekeza amafama kubangela ukuba amafama angavumi kuxhela iinkukhu zawo, oko kukodwa kwandisa esi sifo nakwezinye iindawo zelizwe,” kutsho uBreitenbach.
Kukho amafama ebechaphazeleke ngamandla kwesi sifo ngonyaka ka2021. “Amaninzi kulo mafama ayechatshazelwe yilemeko awazange afumane ncedo, kwaye awakakwazi ukuvuka kwakhona,” kutsho uBreitenbach.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile