Awona malwandle acocekileyo eMpuma Koloni

UMandisi Stuma osebenza kwiWorking for the Coast, ekulwandle lwaseHamburg

IMPUMA Koloni ineelwandle ezikumgama weekhilomitha ezingamakhulu asibhozo, ukusuka eMbizana ukuya eTsitsikamma, kodwa hayi zonke ezi lwandle zikhuselekile futhi zicocekile.

Minyaka le umbutho wolondolozo-ndalo nokusingqongileyo kweli iWildlife and Environment Society of South Africa (WESSA), ibambisene noomasipala, ibhengeza uluhlu lwezona lwandle zicocekileyo futhi ezikhuselekileyo.

Ezi lwandle, uziqaphela ngeflegi eluhlaza ephephezelayo kwanombhalo wabakwaWESSA ongqinisisa ukuba zicocekile futhi zikhuselekile ezi lwandle.

Kweli xesha leziyunguma, iilwandle ezineflegi eluhlaza nezingqinwa yiWESSA zisixhenxe kuphela kwiphondo laseMpuma Koloni.

Ezi lwandle yiHamburg Beach eNgqushwa, iDolphin kumasipala waseKouga, iKelly ePort Alfred, iKariega eKenton-on-Sea kwaneelwandle ezintathu eBhayi iHobie, Kings neHumewood.

Ecacisa ngokubaluleka kweflegi eluhlaza kwiilwandle, uMandisi Stuma osebenza kwiprojekthi yesebe lemicimbi yezendalo iWorking for the Coast (WftC), uthe: “Into eqala iqatshelwe ngumgangatho wococeko lwamanzi lawo wolwandle. Lo msebenzi wenziwa ngumasipala wolwandle olo ngokuthi kuthathwe amanzi lawo asiwe eBhayi eyokuvavanywa.”

“Emva koko kuye kujongwe umba wokhuseleko lwabantu xa beselwandle. Enye into kukuba kubekho abantu bokuhlangula abo barhaxwayo. Ulwandle oluneflegi eluhlaza lulwandle olucocekileyo, futhi kulapho abantu bafundiswa ngokubaluleka kolondolozo-ndalo,” utshilo uStuma.

Noxa nje umcimbi weflegi eluhlaza iluxanduva lweWESSA kwakunye noomasipala, uStuma uthi bayidlalile indima yococeko-ndalo kulwandle lwaseHamburg.

USiyabonga Tyibilika (35) waseHamburg, osebenza kwiWftC kwaphaya eHamburg, uthi ukuzibandakanya nale nkqubo kulenzile utshintsho kubomi bakhe. “Bendikade ndingasebenzi, ngoku ndiyakwazi ukuthengela ukutya usapho lwam.”

Yena uZukile Qholani (50) waseDucats eMonti, osebenza e-Eastern Beach eMonti, uthi uyakonwabela ukusebenza kule projekthi, watsho esithi bakwazifumene nezakhono zokugcina indalo icocekile.

UMphathiswa weSebe leMicimbi yezeNdalo * -Edna Molewa, uthi le projekthi (WftC) yenye yeendlela zokulwa nokunqongophala kwemisebenzi apho urhulumente asebenzisana khona noluntu kwiinkqubo ezikwaxhamlisa uluntu.