Bemke bengaphendulekanga abasebenzi beprojekthi yokuvingca imingxunya kwiindlela zoMasipala oMbaxa iBCM, abathe babamba umngcelele besiya ngqo kwiOfisi kaSodolophu woMasipala uXola Pakati, ngethuba besisa uxwebhu lwezikhalazo zabo.
Aba basebenzi balinde phambi komnyango eCity Hall belinde uPakati ukuba azokumamela izikhalo zabo kodwa khange ade abe uyafika. Abahlali bathi uSodolophu besazi ukuba bayeza koko ubajongele phantsi.
Badize ukuba ngokubamba kwabo lo mngcelele luhlobo abafuna ukutsala ngalo indlebe yalo Sodolophu njengoko iyiminyaka bethenjiswa ngokuhoywa malunga nezikhalazo zabo eziliqela kwezo kuquka ukonyuselwa imali yeeyure abazisebenzayo. Bathi oko le projekthi yaqala ngo2013, ngeyure berhola iR1, 40.
Umgqatswa wabahlali, uSiphokazi Mthunyana nongumsebenzi kule projekthi udize ukuba, zange bakubona ukonyuselwa imivuzo oko baqala batshitshiliza kumvuzo omnye.
“Oko yathi yaqala akuzange kubekho nguqu okanye ukukhula kule yethu iprojekthi nangona nje kwezinye iiprojekthi kulo masipala ezilandela emva kwale yethu ziye zakhuliswa ngulo Sodolophu. Ezinye zazo zifike kulo nyaka uphelileyo emva kwethu.
“Oko safika le mali ayonyuki izinzile ngelo xesha yona irhafu iyonyuka minyaka le,” utshilo uMthunyana.
Abasebenzi akukho mnyango bangawungenanga ukuqala kulawulo kulo masipala ukuya kuSodolophu ngokokutsho kwabo, bathi bathenjiswa ngokuba oku kuza kuthi kuphandwe.
Bathi oko babelindile ezo ziphumo zophando ababethembise ngolwenza kodwa kunangoku akukho nto yeza phambi kwabo.
Umsebenzi uAsanda Fekema uzeke mzekweni kwintetha zikaMthunyana esithi, bathandwa kuphela ngulo masipala xa kuza kuvotwa.
Uthi bakwangawo namavolontiya ombutho olawulayo iANC. Bathi ngethuba kuzokuvotwa bebelala ezinzulwini zobusuku begaya inkxaso bekwathenjiswa ngempilo engcono.
“Ngoku sijikelwa kanye ngaba ceba besibalwela. Kubuhlungu sinabantwana, siyakhulisa kwaye siza kolusa oonyana bethu, ngantoni xa singahoywa? Balindeleke ukuba baphinde babambe uqhankqalazo olusemthethweni ngomhla weshumi elinesibhozo.
abongile.ginya@inl.co.za
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!