Awukwazi ukuthandaza inkundla isaqhuba, kutsho uMantyi kuMboro

Umfundisi uMboro, unogada wakhe uClement Baloyi kunye nonyana wakhe, uRevival Motsoeneng ngethuba bebevele kwinkundla yasePalm Ridge ngoMvulo. Umfanekiso: Uthathwe kwividiyo/X

“Awukwazi ukuthandaza inkundla isaqhuba. Ndicacisa iziphumo zokungaveli enkundleni, wena ujonge phezulu uyathandaza. Asiyondlela ifanelekileyo yokwenza izinto leyo,” utshilo uMantyi uIpfi Mammburu kuMfundisi uPaseka ‘Mboro’ Motsoeneng enkundleni.

UMfundisi uMboro ebevele kwinkundla yasePalm Ridge ngoMvulo, ekunye nonyana wakhe, uRevival Motsoeneng, nonogada wakhe, uClement Baloyi, apho bajongene namatyala ohlukeneyo aquka ukuxhwila.

UMantyi ebechaza imiqathango yebheyile ngethuba efumanisa ukuba uMfundisi uMboro uyathandaza.

“Kwenzeka ntoni ngomtyholwa wokuqala? (Umfundisi uMboro) Kubonakala ngathi awumamelanga. Nceda, awukwazi ukuthandaza ngethuba inkundla isaqhuba,” utshilo uMantyi.

Sithetha nje uMfundisi Mboro nonogada wakhe uBaloyi bangaphandle ngebheyile yeR3000, logama unyana kaMboro engaphandle ngesilumkiso.

Lo Mfundisi owaziwa ngokuthetha phandle, uxelele oonondaba ngaphandle kwenkundla ukuba unelungelo lokuthandaza.

“Khange tu ndithandazele ngaphandle, ndiye ndadibanisa izandla kuphela, bendingayazi ukuba lityala elo. Ndifunde lilo namhlanje (ngoMvulo). Khumbula ukuba ndijongene nengcinezelo. Ndihleli iintsuku ezingamashumi amane (40) entolongweni – baxoka enkundleni. Ukuba ndiya entolongweni ngenxa yokuthandaza, kulungile. Sele ndivela khona kakade,” utshilo uMfundisi Mboro.

UMboro ukwathe eli tyala alinasihlahla.

“Icawe yethu itshisiwe, iphelile, asinaso nesakhiwo secawe, asinazo nezipikha, isigidi seerandi yonke imkile,” utshilo uMfundisi Mboro ethetha noonondaba.

Esi sithathu sijongene nezityholo kulandela isiganeko esenzeke kwisikolo samabanga aphantsi iMatshidiso eKatlehong, eGoli.

Iingxelo zithi usapho lukamama waba bantwana ongasekhoyo luxabana nosapho lukatata (unyana kaMboro) malunga naba bantwana. Utata wabantwana wayolanda abantwana esikolweni nangona wayeyalelwe ukuba angabalandi, encediswa nguyise nonogada kayise kwinyanga yeThupha kulo nyaka. Babephethe oocelembe kunye nompu begrogrisa nabani ozama ukubanqanda.

Igqwetha likaMboro, uAdvocate Phillip Dhlamini, ufake isicelo sokurhoxa kweli tyala, kwaye samkelwa – eli ligqwetha lesibini ukurhoxa oko laqalayo eli tyala.

Ityala lifuduselwe kwinkundla yenqila kwaye lihlehliselwe ekupheleni kwale nyanga, ngomhla wamashumi omabini anesithandathu (26) kweyeNkanga.