Awuphelelanga umzimba wenkosikazi eyayidukile!

Kapa: Ufunyenwe unamalungu
angaphelelanga umzimba wenkosikazi yakoo-K eSite B,  eKapa, neyagqityelwa
ukubonwa ngeholide yepasika. U-Agnes Msiza wadizwa njengolahlekileyo kwinyanga
kaTshazimpuzi emva kokuba engabuyelanga emsebenzini eDeDoorens emva kwepasika,
wabe phofu engekho nasendlini yakhe.

Kwavakala iingxelo zokuba umyeni wakhe oneminyaka
engamashumi amahlanu anesihlanu (55) ubudala watsalela umnxeba amalungu osapho
esithi uyibulele inkosikazi, wabe phofu yena eyokutshona eRhawutini. Emva kwalo
mnxeba ilungu losapho layalisa emapoliseni le nyewe, nawo amtsalela umnxeba lo
myeni.

Ingxelo yamapolisa yadiza ukuba wawaxelela amapolisa ukuba
uyityise ityhefu inkosikazi, wayigqibela ukuyibona isiya kukhwela itekisi,
kodwa kwilungu losapho wathi uyihlabile. Amapolisa ayakumlanda eRhawutini ze
wavela enkundleni eKhayelitsha nalapho wenza ingxelo efungelweyo esithi
uyibulele inkosikazi.

Kwisithuba seeveki eziliqela ivalelwe le ndoda, ixelele
amapolisa ukuba yayixhaxha inkosikazi umzimba yayakuwulahla kwibalana
elinengcongolo kufutshane nengingqi yoo-TR. Amapolisa ahambe nayo yayakukhomba
nalapho kufunyenwe umzimba ongenazingalo namilenze.

Usomlomo wamapolisa ase-Site B uLieutenant Mascelus Rajap
uthi, “Emva kokucutshwa umrhanelwa uyichazile indawo awawulahla kuyo umzimba
kwaye ufunyenwe unamalungu angaphelelanga. Kusaqhutywa uphando nangona yena
ezichazile ukuba nguye umenzi, kwaye uzakubuyela enkundleni kwinyanga ezayo.”

Umrhanelwa useseluvalelweni emva kokuba wathi akazokusifaka
isicelo sebheyile.