Awuqini umnqwazi ngomba wabaphathiswa abaphanda urhulumente

UMongameli Cyril Ramaphosa UMFANEKISO: ANA

EMVA kokuba uMongameli Cyril Ramaphosa ebhengeze iqela labaphathiswa bokuqubisana nezityholo zobuqhophololo olumalunga nentengo yezixhobo zokulwa nokukhusela intsholongwane yeKhorona, uninzi luvakalise ukungaqinelwa ngumnqwazi leli nyathelo.

 

Aba baphathiswa, abakhokelwa nguMphathiswa wezoBulungisa neeNkonzo zoLuleko, uRonald Lamola, baza kujongana nemiba yobuqhophololo obenzeke ngexesha lokuthengwa kwezixhobo zokuqubisana neCovid-19. Ezi zixhobo ziquka izikhuseli (PPEs).

 

URamaphosa ucele aba baphathiswa ukuze baphande ingcombolo malunga namagama eenkampani kwaneenkcukacha zeethenda nezivumelwano ezithe zakhutshwa ngamasebe karhulumente kazwelonke, awephondo kwanaqumrhu karhulumente kweli xesha likaxakeka elizweni.

 

UMongameli ukwayalele ukuba uluhlu lwabo bafumene ezi thenda nezivumelwano kufuneka luthunyelwe kwaba baphathiswa kule veki.

 

Kodwa uAdvocate Thembeka Ngcukayitobi uthi eli nyathelo liyakhabana nomthetho. “Lo rhulumente akohlukani nokwenza izinto ezothusayo. Ngokomthetho, ubuqhophololo buphandwa ziiHawks, NPA, ibutho (Commercial Crime) lamaPolisa, SIU, Asset Forfeiture Unit. Akukho mthetho uthi amalungu ekhabhinethi makaziphande. Eli qela litsha (lonyulwe nguRamaphosa) yinkcithamandla,” kubhale uNgcukayitobi kuFacebook.

 

Inkokheli yeUDM uBantu Holomisa yena uthe: “Akukho mntu wothukileyo kuba la maqabane obuqhophololo kudala esiba imali yeli lizwe ngokungenalusini. Obu buqhophololo budlangile futhi bubangela iiarhente zomthetho zibe zizinja ezingenamazinyo, kuba ezi arhente zikhokelwa ngabathunywa bombutho olawulayo.”

 

Le komiti yabaphathiswa yakhiwe nguLamola njengosihlalo, uMphathiswa kwiOfisi kaMongameli uJackson Mthembu, uMphathiswa wezeMali uTito Mboweni, uMphathiswa wezamaPolisa uBheki Cele, uMphathiswa weeNkonzo zoLuntu noLawulo uSenzo Mchunu kwanoMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento kwaneMicimbi yeeNkosi uNkosazana Dlamini Zuma.