Axakene nomlilo amagosa ohlangulo eKomani

Umlilo ogqogqise kwintaba iLukhanji eKomani. Umfanekiso: Uthunyelwe

Umlilo ogqogqise intaba yaseLukhanji naseLonghill eKomani ubangele ukuba amagosa omlilo nawezohlangulo asebenze ubusuku bonke ezama ukucima lo mlilo.

IMpuma Koloni isengxakini yokutshiswa kwamadlelo ekubangela ukutsha kwemfuyo okanye kutshe ingca. Lo mlilo kuthiwa ujikele ngakwidama lakuBonkolo ukusukela ngentseni yanamhlanje.

UMasipala wesithili saseChris Hani uthumele amagosa kwangoko ngelizama ukuqubisana nalo mlilo. Ngaphandle kokucima, amagosa enze iinzame zokuba ubanjwe ungahambeli phambili umlilo ukuze ungayikufika kwizindlu ezikufutshane.

Abahlali beendawo eziquka emantla eTop Town bavakalise ukuxhalaba kwabo kwangoko emva kokuba kubonakele lo mlilo.

Othethe egameni loMasipala wesithili saseChris Hani, uBulelwa Ganyaza, uthi bakwiphulo lokwandisa iinzame zabo.

Igosa lomlilo licima umlilo. Umfanekiso: Uthunyelwe

“Sikwakwiphulo lokucela uncedo kooMasipala abancinane abaphantsi koMasipala wesithili saseChris Hani, injongo kukulwa lo mlilo ude ucime,” kutsho uGanyaza.

Umoya ovuthuza ngamandla eChris Hani ubangela ukuba kubenzima ukuwucima lo mlilo. “Nangona kunjalo, akukho ziingxelo zengxwelerha okanye umonakalo othe wenzeka kumakhaya wabantu abahlala kufutshane nezi ntaba zinomlilo,” kutsho uGanyaza.

UMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni, uNonceba Kontsiwe, kutshanje uthumele uncedo kumafama aseMhlontlo emva kokutsha kwamadlelo kuQumbu. Lo mlilo wabulala iigusha ezingaphezulu kwekhulu kwiilali ezimbini zakuQumbu.

“Sibongoza abahlali ukuba baqaphele ngeli xesha lonyaka kuba ingca yomile ngoko ke kulula ukuba kuqale umlilo kwiindawo ezininzi zoMasipala waseChris Hani,” uvale ngelo uGanyaza.