Axhalabile amafama amnyama eMpuma Koloni

ULungile Monakali ngumfama omnyama owazithengela ifama eKidds Beach eMonti ngonyaka ka2003, uthi unexhala zinguqu ezizayo malunga nomhlaba.

Ukusukela kwiveki ezayo kuvavanywa izimvo zoluntu eMpuma Koloni malunga neenguqu kumgaqosiseko ukuze kuthathwe umhlaba ngaphandle kwentlawulo. Ezi ngxoxo sele zisuka kumaphondo aquka iLimpopo kwinyanga ephelileyo, naseMpumalanga ekuqaleni kwale nyanga yeKhala.

“Lo mhlaba ndawuthenga emva kokuchitha ixesha ndisebenza njengomfundisintsapho, ndixhalabile zezi nguqu, andiyazi ukuba ndiza kuchaphazeleka njani (Mthimkhulu Farm),” uthethe watsho uMonakali.

Lo kaMonakali wathenga le fama ngemali ekumakhulu amathandathu anamashumi amahlanu amawaka eerandi (R650 000), izihektare ezingamakhulu amabini namashumi asibhozo anesine.

“Ngoobani aba baza kuthathelwa umhlaba, ngabantu abafana nam abanawo ngoku umhlaba, wona umhlaba umele ubuyiselwe ebantwini kodwa ngendlela engazukuchaphazela abasele benawo,” utsho uMonakali.

Urhulumente kazwelonke uvulele uluntu ithuba lokuba livelise izimvo zalo ukuze kwenziwe inguqu kumgaqosiseko kamva malunga nokuthathwa komhlaba.

Umthetho iNative Land Act ka1913, ngomnye wemithetho eyabangela ukuba abantu abamnyama bazibone beneepesenti ezisixhenxe kuphela zomhlaba, logama abantu abamhlophe bejijisana namashumi asibhozo anesithathu eepesenti ekhulwini zomhlaba.

USithembele Malgas uneminyaka engamashumi amabini ananye engumnikazi weefama ezimbini efuya iinkomo neegusha eKatikati, uthi uyakungqinela ukuthathwa komhlaba, kodwa uxhalabile.

“Mna elam ixhala kukuba ngoobani aba baza kunikwa lo mhlaba, kuba akhona amafama amnyama anikwe umhlaba ngaphambili ngoncedo lukarhulumente, lo mhlaba ulele ngoku, iinkampu ziqhawuke amacingo, imihlambi ayisekho, izindlu ziwile, abanye baqashisa ngazo ngoku ezo fama,” uthethe watsho uMalgas.

Uthi ixhala lakhe kukuba lo mhlaba uthathwe usebenza unikwe abantu abangafuni kusebenza abaza kuwuyeka ulale.

“Ayixoxisi eyokuba mawubuye umhlaba kodwa kufuneka unikwe umntu oza kuwusebenza angadlali, kuvele ukutya, kuqeshwe abantu,” utsho uMalgas. Enye yeefama zikaMalgas ikumhlaba okumyinge weehektare ezingamakhulu asixhenxe namashumi amathathu anesine eKatikati.

Imvavanyo-zimvo zoluntu malunga nokwenziwa kwenguqu kumgaqosiseko ukuze kuthathwe umhlaba ngaphandle kwentlawulo ngurhulumente kulindeleke ukuba ziqhubeke eMthatha, Komani, eMonti naseJansenville.

Usihlalo weNdlu yeeNkosi zeMveli eMpuma Koloni uNkosi Mwelo Nonkonyana evula indlu ekuqaleni kwalo nyaka wathi mawubuyiselwe eziNkosini umhlaba.

“Umhlaba wawuphantsi kolawulo lweeKumkani neeNkosi kwasekuqaleni, mazinikwe ithuba ke lokuba ubuyele kuzo umhlaba, zona ziwabele abantu bazo,” watsho. Zimfazwe ezilithoba eziliwe kweli leMpuma Koloni ziiKumkani neeNkosi nezizwe zazo kukhuselwa umhlaba ukusukela ngo1779 ukuya ku1879.