Axola: Ndicela ithuba lesibini

 

INKWENKWE yaseQonce uAxola May (16) ebezibona esiya eYunivesithi emva kokugqiba amabanga wakhe aphezulu, ekwanephupha lokuba ngumdlali wombhoxo.

Kodwa ilanga litshone emini amathemba aphela kuAxola emva kweendaba ezibuhlungu zokuhlaselwa kukungahambi kwegazi ngendlela efanelekileyo emathanjeni akhe omzimba (bone marrow).

Ngokudizwe lusapho lukaAxola, ungumntwana onothando kwaye okhululekileyo obonwabelayo ubom nosapho lwakhe kwakunye noontanga bakhe. Ikwanguye nomthandi kwanomdlali webhola yombhoxo.

Esona sisombululo esinokuthi sihlangule uAxola kule ngxaki kwaye afumane obunye ubomi kukuba enziwe utyando lokujongwa kwencindi phakathi emathanjeni (A stem cell transplant).

Ingxaki kuAxola, iqale ngokumane ephuma igazi ezimpumlweni, ulusu lwajika, kwamane kuqaqamba iindlebe kwaye kumane ukuphuma igazi kwiintsini.

Iindaba zokuba uAxolea uhlaselwa sisigulo esibeka ubomi bakhe emngciphekweni, khange zimphathe kakuhle umakhulu wakhe kwakunye nomakazi wakhe nabamkhulisayo emva kokubhubha kukamama kaAxola eseneminyaka emibini kuphela.

“UAxola ebekungxamele ukugqiba esikolweni kwaye aye eyunivesithi. Phambi kokuba agule, ebezixelele ngokudlalela iqela lebhola yombhoxo laseKapa iWestern Province Rugby. Ebesoloko ejonge kuSiya Kolisi kwaye iliqhawe lakhe,” kutsho usapho.

Ngokokutsho kukaJames Alana onguMlawuli kwiDKMS Africa Country, uthi imeko kaAxola imbi kakhulu kwaye izigulana ezininzi zaseAfrika zisemngciphekweni kakhulu ngenxa yokunqaba kwenani labantu abanikeza ngegazi. IDKMS, ibongoza uluntu ekubeni lubhalise ukuze kukhule inani akwazi uAxola afumane umntu anokuchanana ngqo naye ngegazi.

“Ndiyacela ndidomboza kuye nabani na onokunikela ngegazi ancede unyana wam aphile, azotsho akwazi enze konke ebekunqwenela ukwenza ebomini,” woleke ngelo umakazi wakhe.

Ungabatyelela abakwaDKMS xa ufuna ukunceda kumnatha wonxibelelwano.