Axoxelwa etyotyombeni amatyala eCumakala

Inkundla yokuxoxa amatyala yaseCumakala eyakhiwe ngamacangci

Ngenxa yokudinga indawo inkundla kamantyi eCumakala isebenzisa ityotyombe ukuzama ukuqhubela phambili uluhlu lwamatyala ajongene nale nkundla.

Abahlali bala ndawo bayakhala ngale meko besithi ithoba isidima sabo kuba abaziva bexabisekile ngenxa yoku.

UNolukholo Mesani uthi umamela ityala okanye ukuxoxa ityala etyotyombeni kubenza ukuba bazibone bengakhathalelwanga ngurhulumente.

“Asiyamkeli le nto nokuba sinjani na isizathu sokuba ingenele kweli tyotyombe le nkundla, kumele ukuba urhulumente wethu ancedise abaphathi kwakhiwe inkundla efanelekileyo apha,” uthethe watsho uMesani.

Lo mhlali uhambisa athi incinci le ndawo kwaye xa kunetha kuba nzima ukungena kweli tyotyombe. Ngenxa yezinga lolwaphulo mthetho oluphezulu eCumakala, le nkundla isetyenziswa rhoqo xa kukho ityala eliza kungena kwinkundla yenqila.

“Incinci le ndawo ayinazo nendawo zokungena zabantu abakhubazekileyo, abantu abaninzi basala ngaphandle xa kuxoxwa amatyala ezihlobo zabo, lihlazo eli noko,” uthethe watsho uMesani.

Ngamatyala avela kwilali kunye nelokishi ezingqongileyo athi achotshelwe yile nkundla imihla ngemihla phantsi kwezimeko zinzima, itshilo ingxelo.

Ingxelo yabaphathi ithi inkampani ibiqeshwe ukuba yakhe umzila wokungena kwabo bahamba ngezitulo kusanqumamile ngenxa yezizathu ezithile.

Oyimanejala ebambeleyo kule nkundla uAlfred Dyantyi, uthi benziwa kukudinga indawo ukuba basebenzise eli tyotyombe. “Imbangi yokuba sisebenzise eli tyotyombe kukuba inkundla esinayo apha inye kuphela, xa kukho ityala elikwinkundla yenqila sinyanzeleka ukuba sithumele amatyala wenkundla kamantyi etyotyombeni,” ucacise watsho uDyantyi.

Uthi abantu abakhubazekileyo banyanzeleka ukuba benzelwe amanye amacebo ukungena enkundleni ingakumbi xa kumanzi phambi kwale nkundla.

“Banyanzeleka ukuba bafunqulwe abantu abakhubazekileyo ukuze bakwazi ukungena enkundleni,yonke lento iwuchaphazela ngamandla umsebenzi esiwenzayo apha,” utsho uDyantyi.

Igumbi lenkundla enye eCumakala lisoloko ligcwele ngamaxesha onke kwaye oku kubeka uxinzelelo kumagosa eli sebe.

Amanye amatyala ayalibaziseka ngenxa yokungabikho kwendawo yokuxoxela kule nkundla.