Le yinyanga yokubhiyozela amasiko nezithethe zelizwe loMzantsi Afrika ngeenjongo zokukhuthaza nokufundisa uluntu ngemvelaphi yalo. Ubukhosi bamaMpondo eLwandlolubomvu eNtabankulu minyaka le buqhuba umbhiyozo wamasiko nezithethe zabo.
Eli komkhulu lingumzekelo kuba lelinye lambalwa awenza lo msebenzi minyaka le ngeenjongo zokugcina amasiko, izithethe nembali yesi sizwe. UNkosazana uStella Sigcau ngumququzeleli ophambili walo mcimbi minyaka le eqinisekisa impumelelo yalo msebenzi.
“Le mibhiyozo iqhubeka rhoqo ngeli xesha ukusukela ngonyaka ka2006, lo msitho usingathwa libhunga lekomkhulu loLwandlolubomvu, injongo kukuphakamisa, ukwabelana nokugcina imbali, amasiko, nolwimi nesiMpondo nezinye,” kucacisa uSigcau.
Lo mbhiyozo wasungulwa uhambela nomsitho wokukhumbula uNkosi Ntsikayezwe Sigcau owayeyinkokheli nejoni lombutho weANC.
“Umxholo wethu walo nyaka ugxile kwiinzame zokufundisa uluntu ngengxaki yobundlobongela obusekelezelwe kwisini obuhlala bujoliswe kumanina,” utsho uSigcau.
Xa kuqala le mibhiyozo, kuzakuqhutywa iibhayisekile ngabakhweli beebhayisekile ukusuka ePhuti ukuya komkhulu eLwandlolubomvu.
“UNontombi Luthuli ongumbhali nokwalitshantliziyo elilwa ukuxhatshazwa kwamanina uzakuqhuba ucweyo kwisikolo samabanga aphakamileyo iNtsikayezwe. IiKumkani neeNkosi zeli ziyaphithizela zilandela izimemo zemicimbi yezizwe ezibhiyozela inyanga yamasiko nezithetha zabo.
“Silindele izizwe zabeSotho, Tswana, abaPedi, amaNdebele, amaXhosa namaBhaca nezinye ke ukuba zibeyinxalenye yethu njengesiqhelo saminyaka le,’’ uhambisa atsho uSigcau.
UNkosi Nzululwazi Sigcau okhokele eli komkhulu ubiziwe ngamaMpondo aseRhode ebaThenjini ukuba eze kuthetha nesizwe samaMpondo. Oku kungenxa yokuba eli komkhulu lingumzekelo wokugxila ngamandla kwiinkqubo zophuhliso nokugcinwa kwamasiko nezithethe zamaMpondo.
UNasreddine Nabi uthi uyayazi into efunwa ngabalandeli beKaizer Chiefs!