Ayagaleleka amathambo wejoni eMonti!

INkumanda uMncedisi Sikhuza weMKVA ephethe umoya kaJohannes Sambo, Selby Mavuso noSizwe Kondile ababhubhela eKomatipoort eMpumalanga. Umfanekiso: Masi Losi

Azakungcwatywa eBraelyn, eMonti kwiveki ezayo amathambo wejoni loMkhonto weSizwe uPascal Macamba emva kokuba ebuyiselwe kweli evela eAngola apho wabhubhela khona ngo1982.


Lo kaMacamba washiya eli eminyaka ingamashumi amabini anesithathu emva kokuba wathi wathatha inxaxheba kuqhankqalazo elaliqhutywa ngabafundi beyunivesithi yaseFort Hare.


Ingxelo ithi ezi ntshukumo zabangela ukuba amapolisa aseCiskei ekunye nomkhosi wokhuselo kweli bambeke esweni. 

Amathambo kaMacamba abuyela ekhaya eMzantsi Afrika esiza negqiza ebelikhokelwe ngumphathiswa wesebe lemidlalo nenkcubeko kweli uPemmy Majodina. 


Ukubuya kwala mathambo kuhambelana nezibhambathiso zeKomishini yeNyaniso noXolelwaniso, kwaye sele eliqela amathambo wamajoni oMkhonto Wesizwe kuquka nawe-Apla asele ebuyiselwe eMzantsi Afrika.


Othethe egameni lela sebe uAndile Nduna, uthi amathambo kaMacamba azakugaleleka ngale mva kwemini eMonti.


“Ngecala emva kwentsimbi yesihlanu amathambo katata uMacamba azakuba egaleleka phaya esikhululweni seenqwelo-moya saseMonti ukuze anikezelwe kusapho lwakhe,” uthethe watsho uNduna.

 

Eli joni lahlaselwa sisifo seMalaria eAngola, laza labhubhela apho, langcwatyelwa eMulamba eLuanda elikomkhulu leAngola. Lo kaMacamba uzalelwe eMonti ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga yoKwindla ngo1957.  Wazimanya noMkhonto Wesizwe eLesotho ekunye namajoni afana noHeadman Makonco noBandile Ngcelwane. 

Kamva uye kufumana uqeqesho olulodwa lasemkhosini eJamani eyinxalenye yeqela lamajoni angamashumi amane nekwakukho kuwo uMlungisi “Bazooka” Tshona namanye amajoni.


 Ngokwesithethe samajoni omzabalazo wayesaziwa ngegama likaKhawuleza Ndawo ngelizama ukufihla elona gama lakhe.

 

Ekuqaleni kwalo nyaka, uMphathiswa uPemmy Majodina ubuyisele eMthatha eBhaziya amathambo wamajoni alishumi elinesine weApla awayexhonywe komkhulu ePitoli. 


“Umngcwabo wakhe uzakuqhutywa ngomhla wethoba kule nyanga iqalayo eBraelyn eMonti,  emva kokuba sinikezele ngamathambo akhe kusapho lwakhe,” uthethe watsho uNduna.