Ayagxekwa amagqirha asebenzisa amayeza gwenxa

Utshisa ibunzi umba wokusetyenziswa kwamabhanti okanye isitofile ngamakhwenkwe ngeenjongo zokuba namandla kwidolophu yaseNgcobo.

Kuvakala ukuba la mabhanti anobungozi kakhulu, othe wabethwa ngulowo onalo angasweleka okanye angaphili kakuhle engqondweni ubomi bakhe bonke.

Ukuza kuthi ga ngoku afikelela kwisine amakhwenkwe athe abhubha kule dolophu kususela ngoDisemba kunyaka ophelileyo, kwimilo yeentonga yamakhwenkwe anamabhanti nalawo angenawo.

Ezi zitofile kuthiwa zifumaneka lula ngemadlana engamashumi amahlanu eerandi. 

Kwintlanganiso ekhwetywe ngusomlomo womasipala wale dolophu uSiphokazi Nkele, amasebe ohlukeneyo avakalise inkxalabo enkulu yile ngxaki, batsho befikelela kwisigqibo sokuba kucelwe ungenelelo lwamagqirha kunye namaxhwele ukuzama isisombululo kule ngxaki.

Ongusihlalo wamagqirha kule dolophu uMziwentsini Nxoboyi, uthi ukusetyenziswa gwenxa kwamayeza endalo bubugqwirha abangavumelani nabo bengamagqirha anceda abantu.

Uhambisa athi: ”Ndineminyaka engashumi amane ndisebenzisa amayeza njengegqirha nexhwele , iyasikhathaza singamagqirha okwenene into yemikhuba eyenziwa ngamanye amagqirha, lo nto ingcolisa igama lethu sisonke.

Abantwana bazithatha ebantwini abadala ezi zinto kuba amagqirha ngabantu abadala, siyawukhalimela lo mkhuba ngokuba batshabalalisa isizwe sangomso.”

UNxoboyi uthi eminye imikhuba eyenziwa ngamagqirha angalunganga kukubulala abantu.

”Siye sifumane ukuba kukho amagqirha enza amayeza ukuba kubulawe abantu, siyigxeka kakhulu lo nto, igqirha okanye ixhwele elenza lo mkhuba silifaka amapolisa.

Saseka umbutho ukuze sazane singamagqirha, sazi nemisebenzi yethu ukuba ubani usebenza ngamayeza anjani, abo banabantwana okanye abazi abantwana abathenga la mabhanti mabeze kumbutho wethu sibancedise abanjwe loo magqirha.

Lilonke sithi siyigxeka kakhulu lo nto yaye bubugqwirha ayibobugqirha” uvale ngelitshoyo uNxoboyi.