Ayakhala amafama amnyama

Isebe lezoLimo, ezoLobo namaHlathi kweli libekele bucala imali ekwiBhiliyoni yeerandi (R1.2 Billion) ngeenjongo zokunceda amafama kuxinizelelo lweKhorona, kodwa ayakhala amafama amnyama.

Esona sikhalo esiphambili kula mafama sesokuba zonke izinto ezifunwa ngurhulumente ukuze afumane le mali azilula ukufumaneka.

UNkosi Ngangomhlaba Mathanzima wamaHala kuNdonga eCacadu, ukhokele kwesi sikhalo.

“Asoze la wakuthi amafama afumane nto kwesi sibonelelo kuba izinto ezifunwayo ngurhulumente zilungele abelungu kuphela, bona bantu kudala besebenza, inzima indlela yokufumana olu ncedo,” kutsho uMathanzima.

UZukisa Kene ngumfama kwawadi 12 kuBangindlala, uphila ngokufuya iinkukhu neehagu, logama ekwakwiphulo lokusebenza umhlaba oleleyo kayise uMzwandile Kene.

“Asisokoli ngelo xesha kufunwa ukuba sifikelele kwingeniso yamashumi amahlanu amawaka eerandi ngonyaka ukuya kwisigidi. Asoze siyifumane thina le mali, kodwa siyaqhubeka sivelisa ukutya sithengise nokuba kunzima,” kucacisa uKene.

Esona sikhalo sala mafama kukuba ukuze afumane esi sibonelelo, oyena uvelisa kancinci kufuneka ukuba enze imali ephakathi kwamashumi amahlanu amawaka ukuya kwisigidi seerandi.

Urhulumente uvule ucango lokufakwa kwezicelo zokufumana olu ncedo ukusukela ngomhla wesibhozo kuTshazimpuzi ukuya kumhla wamashumi amabini anesibini. UAndile Jika ngumfuyi weegusha ezingaphezu kwamakhulu amabini eRhodana, akazange aye esikolweni.

“Siqhele ukulufumana uncedo lukarhulumente, kwesi isihlandlo woyikiswa kwangamaphepha angaka, imibuzo, andisathethi ke ngesiNgesi esingako, singoobani thina?” kutsho uJika.

Uthi kwixesha elizayo urhulumente makenze uphando ngezinto ezikhoyo nezingekhoyo kumafama asakhulayo ngaphambi kokubeka imiqathango enzima. Ngamafama angaphezu kwekhulu lamawaka ebekulindeleke ukuba afake izicelo ukuze ancedwe ngurhulumente ngeli xesha lokuhlaselwa kwelizwe sisifo seKhorona.

UReggie Ngcobo siSithethi seli Sebe kuZwelonke, uthi aziyonyani iingxelo ezenziwa ngamafama.

“Sithe umntu ongenayo enye yezi zinto sizifunayo makaye emapoliseni ayokwenza ubungqina bokuba ngenene uyasebenza kwaye uyafikelela kule miqathango ngokungenisa imali,” kucacisa uNgcobo.

Uthi badane kakhulu kukuva iingxelo zokuba ngenene amafama amnyama awakhange akwazi ukungenisa izicelo zokuncedwa ngurhulumente kanye kweli xesha linzima kangaka.

“Besingazukukhupha mali kakade, sikhupha izinto zokondla imfuyo, amachiza nezixhobo zokusebenza ukuze kuveliswe ukutya ngabantu ngokubanzi, kunganqongophali ukutya elizweni,” kutsho uNgcobo.