Kulindeleke ukuba angcwatyelwe ekhayeni lakhe kuTsolo ngoMgqibelo wale veki uceba weANC kumasipala waseMhlontlo uZolile Malangeni kunye nenkosikazi yakhe uThelma Malangeni. Esi sihlaselwe kwikhaya labo ngokudutyulwa sasweleka ngamadoda amathathu angaziwayo kwiveki ephelileyo.
UMalangeni (54) nenkosikazi yakhe uThelma babhaqwe ngamalungu osapho emva kolohlaselo ngobusuku bangoLwesine kwiveki ephelileyo kwilali iMayaluleni kuTsolo. Bekulindeleke ukuba UMalangeni abekwe njengosodolophu kumasipala waseMhlontlo emva konyulo loorhulumente basekuhlaleni esiphuma kulo.
Ngethuba esweleka lo ceba ubekwa ngumanejala kwi-arente yophuhliso iNtinga phantsi komasipala we-O.R. Tambo, ekwa ngusihlalo weANC kwisebe iWalter Mzingisi Dazana, ngelixa inkosikazi yakhe ibingumqondisi kwicandelo lophuhliso loqoqosho lwasekuhlaleni kumasipala waseMhlontlo.
Isithethi sekhaya uLungile Yongani uthe: “Nangona sisothukile kodwa imeko ingcono xa sithelekisa nangaphambili, asikamazi nangalo mzuzu unobangela wokubulawa kwamaxhoba, kwaye asikrokreli nto silusapho.”
Amapolisa afumana amakhoba amane eembumbulu kwindawo yentlekele.
Othethela amapolisa kummandla waseMthatha uLieutenant Colonel Mzukisi Fatyela uthi uphando luyaqhuba, bekungeka banjwa mntu okwangoku. Ukanti ayiqali into yokudutyulwa kooceba beANC phantsi komasipala waseMhlontlo. NgoDisemba wonyaka ophelileyo kwadutyulwa usomlomo webhunga uXolile Nkompela kwilali iBakhangele ngaphandle kwedolophu yakuTsolo kwisiganeko esashiya kusweleke unogada wakhe uZukile Nyhontso.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?