Ayaphokoka amazwi ovelwano emva kokubhubha kwentatheli kwanomhleli

AYAPHOKOKA amazwi ovelwano emva kokubhubha kwentatheli, umhleli, umpapashi kwanetshantliziyo lobuntatheli basekuhlaleni.

UWandile Fana (45), obesaziwa njengoWara, ubhubhe ngoLwesihlanu emva kokungeniswa esibhedlele ngenxa yeCovid-19.

UFana ebengumseki nomhleli wephephandaba laseCofimvaba iSkawara News, ebelipapasha isikakhulu ngesiXhosa, futhi ekwahlela nephephandaba elipapashwa ngokomnatha (online) iTakasele.

Ngethuba ebhubha ebengusihlalo kwibhodi yoMbutho wabaPapashi abaZimeleyo (Association of Independent Publishers [AIP]).

AbeAIP bamchaze uFana njengetshantliziyo lobuntatheli basekuhleni, besithi ebehlonitshwa ngolwazi nangendlela yokusebenza. “Ukubhubha kukaWara ziindaba ezibuhlungu ezisishiye sinxunguphele kakhulu. UMzantsi Afrika uphulukene netshantliziyo lobuntatheli basekuhlaleni (community media) kwaye mna ndiphulukene nomhlobo ongwanzilili nonovelwano,” utshilo uPatrick Rudolph obesakuba lilungu lebhodi kwiAIP.

Wandile ‘Wara’ Fana UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Yona iArhente yoPhuhliso labezeeNdaba/lezoSasazo kwanoNxaxhiso (eshunqulelwa njengeMDDA), ithi intshisakalo kaFana kwanegalelo lakhe kubuntatheli basekuhlaleni kwakuhlala kukhunjulwa.

Umbutho iANC eMpuma Koloni uthi uFana uzise undiliseko nembekokazi kwicandelo lobuntatheli. “Omele emqaleni amazwi ngequbuliso abhubhe ngalo [uFana] nobeyintatheli enesakhono. Sidlulisa amazwi ovelwano kusapho lakwaFana, abahlobo kwanoogxa bakhe kwezobuntatheli,” itshilo iANC yephondo kwimbalelwano.

IQonga labaHleli boMzantsi Afrika (elishunqulelwa njengeSANEF) nalo lidlulise amazwi ovelwano kusapho, abahlobo kwanezobuntatheli emva kokubhubha kweli tshantliziyo. “Lala ngoxolo Wandile ‘Wara’ Fana. Ugqatso lwakho ulufezile,” itshilo iSANEF kwimbalelwano.

UFana ebengomnye wabakhimkhanyo kwingxowamali yeSANEF yokuzisa isiqabu kwiintatheli ezibethakelele epokothweni ngenxa yeCovid-19, esebenza namagqala uMathatha Tsedu. Joe Thloloe kwakunye noMelody Emmett.

Eli tshantliziyo lishiya ngasemva unkosikazi walo nabantwana ababini. Iingcombolo zomngcwabo bezingekapapashwa.