Ayaphokoka amazwi ovelwano ngomdlali weRhythm City

Caption: Umdlali kamabonakude ongasekhoyo uDumi Masilela umfanekiso: etv

Ayaphokoka amazwi ovelwano emva kokusweleka komdlali kamabonakude uDumi Masilela. UMasilela nobesaziwa kakhulu ngokuba nguSfiso kuRhythm City udutyulwe kwimizamo yoqweqwediso-moto eThembisa kubusuku bayizolo, nalapho kamva ethe waswelekela esibhedlele ngentsasa yanamhlanje. Othethela i-etv, uMichael Pocock, ukungqinile ukusweleka kwalo mdlali kamabonakude, kwaye watsho ethumela amazwi ovelwano kusapho lukaDumi nabo ebesebenza nabo kwiRhythm City. Amapolisa aseRhawutini athe asakhangela abenzi bobubi.
 
“Siphanda ityala lokubulala nelokuzama ukuqweqwedisa. Amadoda amabini (nekuquka uDumi) ebehleli emotweni eluhlobo lwe-Golf 7 ngobusuku bayizolo, ngethuba kusiza kubo imoto yohlobo lweJeep emnyama nezame ukubaqweqwedisa. Aba bebekwi-Golf 7 bazame ukuhamba kwindawo ebebemise kuyo, waze omnye wabo wadutyulwa,” sitshilo isithethi samapolisa eRhawutini uKay Makhubele.
 
Ukanti emva kokudutyulwa kukaDumi, uye wamisa imoto, ze umhlobo wakhe wamleqisa esibhedlele, nalapho ethe wasutywa kukufa ngentseni namhlanje. UDumi waqala ukudlala kwiRhythm City kwinyanga yoMqungu ngonyaka ka-2013, nalapho wayedlala indawo kaSifiso Ngema owayeneminyaka eyi-23, ekwahlala esitalatweni. Ukanti uDumi wakhe wabandakanyeka kwingozi yemoto, nalapho ikhono lakhe lokudlala ibhola ekhatywayo kwiSupersport United lathi latshabalala.
 
Ngo-2012 uDumi wathi wazama kukhuphiswano lwe-Idols Season 8, nalapho wayakuxinga kwabalishumi elinesibhozo abaseleyo (Top 18). Ukanti emva koku wathi wafumana umnxeba kwiRhtym City nowathi watshintsha ubomi bakhe, nakuba wayengazange alingise aphambili. Ukanti akukapheli nonyaka uDumi ezimanye ngeqhina lomtshato nesithandwa sakhe seminyaka, nesingumdlali kamabonakude owayedume ngokuba nguThuli kuMuvhango, nogama lakhe inguSimphiwe Ngema. Amalungiselelo omngcwabo ebengekaziswa lusapho.