‘Ayifikanga nani imeyikhaphu ma2000’

UNtombifuthi ‘Nomakhisimsi’ Ncwayiba. Umfanekiso: Facebook

Iqhula elikwangumfundisi ntsapho, uNtombifuthi Ncwayiba, owaziwa ngelikaNomakhisimsi, uphikisa ulutsha ingakumbi abo bazelwe ngeminyaka yoo2000, esithi imeyikhaphu le ayifikanga nabo.

Imeyikhaphu ludaka lasemlungwini elinyijelwa ebusweni limtsho omdala abelusana, logama lizenza iintsana ziqaqambe ubuhle.

UNomakhisimsi ukhalaza ngelithi le genge izelwe ngoo2000 iyathanda ukubafundisa indlela amabaqabe ngayo olu daka lakwamlungu. “Imeyikhaphu zange ize nama2000, yayihleli ikhona kwangoo1950 kusithiwa ngumqonga, apha ngoo1970 kwathiwa ngummemezi apha kuthi emaMpondweni,” litsho eli qhula.

UNcwayiba uyaziwa ngokuhlekisa esebenzisa iingoma zasemaMpondweni nencoko ebangela ukuba abantu bahleke bengayeki.

“Sanusiyaleza ukuba siyisebenzise kanjani imeyikhaphu kuba kudala siyisebenzisa, kwaye nani kuzakufika abanye abantu abatsha banixelele ukuba nenze kanjani,” ucenge esitsho uNcwayiba.

UNcwayiba yitishalakazi ngokomsebenzi wakhe, kodwa akayeki kusebenzisa isakhono sakhe sokonwabisa abantu xa elifumana ithuba lokwenza oko.

Ezicaweni, emitshatweni nakwezinye iindawo zokonwaba uyaqatsela ngokuhlekisa abantu. Amaqhula la kwamandulo ebedlala indima yokunceda uluntu ukuba luhleke ukuze luphungule uxinzelelo olubangwa ziingxaki zemihla ngemihla.

Elinye kumagama akhe amaninzi uzibiza ngokuba ungunakaMjentru, unakamntwana. Ukwangomnye wabantu abambalwa abasagcine ulwimi lwesiMpondo luthethwa ngokusulungekileyo.

Unehlokondiba leembasa ngenxa yomsebenzi wakhe wokuqhula awazifumana kumasebe ahlukeneyo kaRhulumente weMpuma Koloni.