Ayiguquki imeko yembalela eMpuma Koloni nakuMzantsi Afrika

 

 Imeko yokunqongophala kwamanzi kumadama eli phondo iseyingxaki ephambili ebangela inkxalabo kuluntu ngokubanzi namasebe karhulumente. 

Ingxelo zakutsha nje zesebe lamanzi nogutyulo lwelindle zithi umthamo wamanzi eMpuma Koloni uhleli kumashumi amathandathu ananye eepesenti ekhulwini xa kuthelekiswa neli xesha linye kunyaka ophelileyo. 

Othethe egameni lela sebe uThandile Ngcume, uthi kunyaka ophelileyo imeko ibingcono kumadama eMpuma Koloni. 

“Besinamanzi akumashumi asixhenxe ananye eepesenti ekhulwini kunyaka ophelileyo ngeli xesha, imeko imbi kakhulu kumadama ethu eMpuma Koloni,” utsho uNgcume. 

I-Algoa Water Supply System inamanzi akumashumi amathathu anesibhozo ekhulwini eepesenti, kunyaka ophelileyo ngeli xesha ebekumashumi asixhenxe anesithandathu eepesenti, itsho ingxelo.”

I-Amathole Water Supply System ihleli kumashumi amathandathu anethoba ekhulwini, logama kunyaka ophelileyo ebekumashumi asibhozo anesixhenxe eepesenti,” utsho uNgcume.

 

UMzantsi Afrika uhleli kwindawo yamashumi amathathu kuluhlu lawona mazwe anengxaki yembalela kwihlabathi.

Isebe lamanzi nogutyulo lwelindle limemelela ukuba uluntu luthobele imiqathango yamanzi yoomasipala babo kwiinzame zokonga amanzi ukukhusela ikamva. 


“Iimvulana ezinethayo kweli azenzi mahluko kumthamo wamadama eli phondo,  kungoko ungenyukiyo umthamo wamanzi,”utsho uNgcume. 


Oomasipala abaquka i-OR Tambo, Alfred Ndzo, Chris Hani neAmathole – ngabona bachazwe njengeengingqi zentlekele kunyaka ophelileyo ngenxa yale meko yokunqongophala kwemvula. Amathontsana angephi ake abonwa kwingingqi yaseChris Hani embindini wenyanga kaCanzibe, kodwa awenzanga mahluko kwingxaki yokunqongophala kwamanzi.

 

Usodolophu womasipala waseKapa uPatricia De Lille, unabise ubungakanani bengxaki yokunganethi kwemvula kwisixeko saseKapa. Esa sixeko sijongene nengxaki yokunqongophala kwamanzi