IInkokheli zombutho weNkolo kaNtu Traditional Organisation zigxeke urhulumente weMpuma Koloni ngokungavumi kunika inkolo yabo isidima negunya elifanelekileyo ukuze ilingane nezinye iinkolo.
Amalungu alo mbutho anyuke phezu kwentaba kaNonesi eLady Frere ngentseni ngoMgqibelo, besiya kucela uQamata nezinyanya ukuba angenelele kwizibi ezambethe iMpuma Koloni noMzantsi Afrika ngokubanzi.
Inkokheli yalo mbutho uThobile Majola, uthi urhulumente uyayihlonipha iPasika yamaKrestu kodwa inkolo yabo ayinikwa sidima kuzo zonke iinkqubo zikarhulumente.
“Kumasebe karhulumente kukho abantu abadlala indima yobufundisi abaphuma kwiiCawe zamaKrestu (Chaplain), xa kuthandazwa kwimicimbi karhulumente sikhokeliswa ngabefundisi ingathi thina asingabo okanye asinabo, sinyanzelwa ukuba sigobe phantsi kwenkolo yamaKrestu kanti asoze sigobele lo nto,” uthethe watsho uMajola.
Ezi nkokheli zikunye namalungu alo mbutho aphuma eBhayi, Ngcobo naseLady Frere – zinyuke phezu kwale ntaba zenza idini elinyukayo, zicela kuQamata namanyange ukuba kupheliswe iingxaki ezambethe eli lizwe.
“Inyanga yoMsintsi yinyanga yokuqala yonyaka wethu, ngoko ke sidibene apha ukuza kwamkela unyaka omtsha, sikwacela izinto esizinqwenelayo kulo nyaka mtsha,” utshilo uMajola.
Ngemvu etyetyisiweyo, eli gqiza linyuse idini logama iingwevu zale nkolo bezisihla zinyuka zithetha noQamata nezinyanya ngeengxaki ezohlukeneyo. Enye yeenkokeli zalo mbutho uThembikhaya Tsolwana, uthi abanakushukunyiswa zezinye iinkolo okanye kukungahoywa ngurhulumente.
“Ingxaki zokuxhatshazwa kwabantwana namakhosikazi, ukudlwengulwa kwabo, ukusetyenziswa kweziyobisi, ubusela obuxakileyo, ubuqhophololo kurhulumente kunye nemvula, zezinye zezinto esizicelileyo ngale nyamazana ityetyisiweyo,” uthethe oko uTsolwana.
Intaba kaNonesi inembali yokuba yayi yindawo apho amabutho wabaThembu ayedibana khona ukujijisana namabutho kaSir George Grey, ephikisa ungenelelo lolawulo lwaseNtshona.
UNonesi yintombi kaKumkani uFaku, eyayi yinkosikazi kaKumkani yabaThembu uNgubengcuka ngeminyaka yo1800. Le ntaba yathiywa ngale nkosazana yase maMpondweni nguKaizer Matanzima ngexesha wayengumongameli waseTranskei.
Ingxelo yeNkolo kaNtu Traditional Organisation, ithi banenjongo zokujika le ntaba ibe yindawo ehloniphekileyo enikwa imbeko yayo.
“Sinenjongo zokuba esi sivivane sisibiyele ngocingo, sakhe iindawo zokuhlala apha ukuze xa size kunqula sihlale sikhuselekile lonke ixesha, sidale amathuba emisebenzi ebantwaneni ngale ntaba.
Ukanti othethe egameni lesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli uMamnkeli Ngam, uthi iingcango zabo zivuliwe kuzo zonke iinkolo.
“Akukho nenye inkolo esikhe siyikhethele ecaleni kwiinkqubo zethu, ndingabacebisa ndithi mabeze kuzazisa kuthi ngokusemthethweni ukuze sikwazi ukubaqwalasela xa sinomsitho ofuna abantu benkolo ezahlukeneyo,” uthethe oko uNgam.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?