Ayikafunyanwa inkwenkwe elahleke eNtabankulu!

Imifanekiso kaAlunamda odukileyo IMIFANEKISO : SAPS

LUSAXHALABILE usapho lakwaNyikinya kwilali yaseBakuba, eNtabankulu, njengoko umntwana wolu sapho oyinkwenkwe ogama linguAlunamda Nyikinya, 6, engekafumaneki noduke ngoMvulo.


Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Khaya Tonjeni, uAlunamda ugqityelwe emva kwentsimbi yesihlanu ngoMvulo eBakuba enxibe ugreyi kwakunye neblukhwe emfutshane eluhlaza.


Amapolisa kwakunye nosapho lomntwana babongoza uluntu luncedisane nabo ekufumaneni umntwana.  


UAlunamda umhlotshana ngebala kwaye ngumntwana ongakwazi ukuthetha.


Amapolisa abongoza lowo umbonileyo umntwana atsalele u10111 ngokukhawuleza kungenjalo angasityelela nesikhululo esikufutshane kuye azise amapolisa. 


Kungenjalo angatsalela nosapho uNtombizanele Nyikinya kwakunye noNandipha Nyikinya ku0835096330.