Inyaniso kukuba akekho umntu ongenangxaki esaphila apha emhlabeni, ndiyiqonda kakuhle ukuba kukhona umntu okhala inyemebzi ngalo mzuzu afunda eli phepha.
Kungayingxaki ohlangabezana nayo ekhayeni, kungayingxaki odibene nayo emsebenzini, ukanti omnye uthi, tata eyam ingxaki isemtshatweni wam ndiphila impilo yokuzisola ukuba kwakutheni ukuze ndingene kulo mtshato, ndilala ngeenyembezi ndiphinde ndivuke ngazo.
Ndifuna ukuwazisa namhlanje xa uqala iveki ukuba ayikho ingxaki engadluliyo, xa ubona abantu behleka kumele uqiniseke ukuba nabo bebekhala izolo, kodwa yedlula ingxaki.
Okunye ekumele sikwazi nokulimaze abantu abaninzi ebomini kukuthi xa usengxakini ubone ngathi nguwe wedwa osengxakini uthi kuba abantu bethule ngeengxaki zabo ugqibe engqondweni yakho ukuba nguwe wedwa okhalayo, kanti ngelinye ixesha ungoyena ungcono kunabanye abantu.
Lo nto ide yakhokhelela ekutheni abantu bathathe isigqibo sokuzibulala kuba ezibona engenakuncedakala.
Kodwa namhlanje bamba le nyaniso ithi, nale ikukhalisayo iyedlula, nanjengoko inalo usuku eyafika ngalo ebomini bakho, ngaphandle kwamathandabuzo inalo nosuku ezohamba ngalo, kwaye nanjengoko wawungayazi imini ezofika ngayo kumele ungayazi nemini ezomka ngayo.
Mamela, asiqiniswa kukwazi usuku ezohamba ngalo, kodwa somelezwa siqiniswe kukwazi ukuba izodlula nayo.
Kukhona izinto ezimbalwa ekumele uziqonde xa kuthethwa ngeenxaki nezingenza ingedluli okanye ithathe ixesha elide ebomini bakho.
UKUNGAFUNI KUYAMKELA INYANISO YOBA UNENGXAKI OKANYE USENGXAKINI: Masithi umzekelo ubutshatile waqhawuka umtshato, mhlawumbi nguwe lo ongafunwayo ngumlingane wakho, kodwa uqhubeke ungayamkeli le nyaniso okanye mhlawumbi ngumntu obethembise ngokukutshata wajikela izigqibo zakhe, ngoku awude uyamkele le ngxaki noba le ntlungu yoba lo mntu akasafuninto imdibanisanawe.
Mhlwaumbi masiqonde le nto mfundi wephepha Isolezwe lesixhosa.
Awukwazi kuthenga amayeza okunyanga isifo ongavumiyo ukuba unaso, awukwazi kuthi uya kwagqirha ude ube uyazazi ukuba uyagula, kwaye uyamkele lo nto.
Ngamanye amazwi nokokuba loluphi uhlobo lwengxaki ojongene nayo ngalo mzuzu iyedlula kodwa ukudlula kwayo kuxhomekeke ekutheni ube uvuma ukuba unayo, lo gama ingekadluli ukuze ukwazi ukwenza into ebekumele uyayenza ukuze uncedakale.
Uphelelwe ngumsebenzi, yamkele lo nto ukuze ujonge indlela yokufumana omnye umsebenzi, uqhawukelwe ngumtshato, yamkele lo nto ukuze ucingisise kakuhle nukuba usafuna na ukungena emtshatweni kwakhona, lo nto iyakunceda ungangeni kumtshato olandelayo kanti usenenxeba lomtshato wokuqala, kuba kungenzeka uthi xa ufika kulo mtshato uthi ulinyaziwe kanti uthunukiwe ungene ebaleni usalimele.
ZIBUZE UMBUZO OTHI, LITHINI IGALELO LAKHO UKUZE UBEKULE NGXAKI UKUYO: Uba ufuna ukubona umntu ekungenzeka afe esengxakini akuyo okanye ongekazophuma engxakini ndibonise umntu, othi xa esengxakini akhombe iminwe kwabanye angazibuzi ukuba yena galelo lini analo ukuze akhale ezi nyembezi azikhalayo.
Kukhona izinto esizenziwe ngabantu, kodwa sabe nathi sinegalelo koko basenze kona, nglinye ixesha abantu bakwenza le nto uzenza yona bancedisane nawe .
Kwaye naxa uqonda ukuba wenziwe ntoni ngabantu awukwazi kuphuma kuba ubagxeka. Ukugxeka abanye abantu ngobomi bakho nokukhomba iminwe ebantwini abakuphoxileyo soze kukwenze uphume engxakini.
Yilo nto izibhalo zisinika umzekelo wonyana wolahleko owathi akuba nokuziqonda wathi ndiyakusuka ndiye kubawo ndithi ndonile kuwo amazulu nomhlaba.
Uba uva kakuhle uphoxwe ngabantu okanye ngabhlobo bakho abebathembile, kodwa xa ezophumelela awumva eba- bandakanya uthi “NDONILE” akathi bandonile uthi, ndonile mna kuba bebengasoze bandikhathaze ukuba bebengalinikwanga ndim ithuba lokundikhathaza.
Kule nkuthazo yanamhlanje, hlala nawe phantsi uhlolisise ubomi bakho, uyeke uba wenziweni ecaweni, emsebenizni, ekhayeni, okanye bakwenzeni abahlobo bakho, kodwa ujonge uba uzenzeni wena, lo nto ingakunceda idlule le ngxaki okuyo.
AYIKHO INGXAKI ENGADLULIYO, nokokuba ndithetha nawe ukweyiphi imeko ngalo mzuzu, ungabisanikezela, IMEKO OKUYO AYISISO ISPHELO SOBOMI BAKHO, ixesha lokuhleka liyeza ebomini bakho, kukufutshane apho uyakhona kunalapho usuka khona.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!