‘Ayilohlazo ukukhupha isisu’

UGqr Tlaleng Mofokeng, Vikar Singh kunye noGqr Eddie Mhlanga bethetha kwinkomfa yeAbortion and Reproductive Justice eMakhanda Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Umntu wasetyhini unelungelo lokukhupha isisu nanini na. Oku kucace okwekati emhlophe ehlungwini kwinkomfa yeAbortion & Reproductive Justice ebi banjelwe eRhini kule veki iphelileyo.

Iingcali kwezempilo, amagosa asuka kwiSebe loPhuhliso loLuntu, oogqirha noogqirhalwazi kunye namatshantliziyo amalungelo amanina, ebedibene ngelithi bafuna izisombululo kwiingxaki ezingqonge ukukhupha izisu kunye nobulungisa kumanina.

Nangona kusemthethweni ukukhupha isisu kweli laseMzantsi Afrika, kuvele ukuba kusekho amazwe apho kungekho semthethweni. Kwamanye, afana nooZimbabwe kusemthethweni kodwa yinto ejongelwa phantsi nelihlazo kakhulu.

Maxa wambi uvunyelwa ukuba ukhuphe isisu xa uye wadlwengulwa, ulelwe ngumntu wakowenu okanye impilo yakho isemngciphekweni. KooMalawi kukwaphula umthetho ukukhupha isisu, ngaphandle kokuba kwenzelwa ukusindisa owasetyhini.

Omnye wezithethi ezisuka kwiAmnesty International South Africa, uLouise Carmody, uthe: “Amantombazana azibona enyanzelekile ukuba ayokukhupha izisu kubantu babucala ngenxa yemithetho yengcinezelo ebangela ukuba bangakwazi ukuzikhupha kumaziko empilo!”

Kwiindawo ezifana neIndia ukuba ungaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo awuvumelekanga ukuba ulale namntu; ngoko ke ukuba uye wakhulelwa uye ungakwazi ukusikhupha eso sisu kwiziko lezempilo okanye uyakuzibona ubanjelwa ukulalwa ungaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo.

Kwakule nkomfa, igxekwe kanobom indima edlalwa ziicawe ekuphembeleleni inani labafazi abagcina izisu abangazifuniyo kuba kusithiwa ukukhupha isisu kukubulala okanye sisono.

Omnye wezithethi ongumKrestu, owayengafuni nokuyibona into yokukhupha izisu nguGqr Eddie Mhlanga.

Wayengafuni nokuyibona into edibene nokukhutshwa kwesisu, kodwa mhla ugxa wakhe wabhubha ngenxa yokukhupha isisu ngendlela engafanelekanga, intliziyo yakhe yatshintsha.

Kwafuneka yena buqu, amqhaqhe akhuphe isibeleko sakhe, ezama ukumsindisa, kodwa wabhubha.

“Kulapho ndabona khona ukuba abantu baza kubhubha ukuba asiyenzi ngokwethu le nto singoogqirha,” kutsho uMhlanga.

Ukanti uGqr Vikar Singh, ngosuku lokugqibela lenkomfa uthethe ngokungaqeqeshelwa ukukhupha izisu koogqirha kumaziko emfundo ephakamileyo. “Kunyaka wesine uye ufundiswe ngamalungu angasese amanina nokuwanyanga, kodwa akungenwa nzulu kwicala lokukhupha izisu. Nam ndazifundela phantsi kwabanye oogqirha sele ndigqibile ukufunda. Ngoko ke lilonke umgangatho weenkonzo zokukhupha izisu kweli laseMzantsi Afrika uphantsi.”

Kwakule nkomfa kuvele eyokuba amadoda aseMzantsi Afrika ayakukhaba ukukhutshwa kwezisu ngamanina.

Kuphandosifundo olwenziwe nguTshego Bessnaar eMpuma Koloni, Rhawutini naseLimpopo namadodana aphakathi kweminyaka eli18 nama20 bathi sisono ukukhupha isisu, amanina kufuneka azame ezinye iindlela zokucwangcisa, hayi le yokubulala umntwana esiswini.

NakuTwitter wethu @ilisolezwe sithe sisakufaka izimvo zezithethi zale nkomfa, kuthe gqi amadoda ayikhabayo esithi: “Sikhutshwa xa besifakelwe ntoni?”, “Kunzima amanyala athathe indawo kucaca mhlophe ukuba amaxesha atshintshile, inene iikati ziyasenga zibe zibethelela iimpuku lo nto iyiyo.” “Le yelungelo lamanina lokwenza noba yintoni andivumelani nalo. Lo nto ithetha ukuba bangahamba nasendleleni beze, bengafakanga kwanto. Noko andihambisani nalo nto!” kutsho abalandeli beI’solezwe.

Kwiphepha leveki ephelileyo, sibhale inqaku ngosana olucholwe luneyure luzelwe, lukhatshwa liphetshana elithi “ndicela nindikhulisele lo mntwana ngoba mna mama ndakohlulakala.”

Iingxelo zeentsana ezicholwa kwinkunkuma zixhaphake kakhulu, kwaye le nkomfa ibizama ngandlela zonke ukugqithisa umyalezo wokuba amanina anelungelo lokukhetha ukuzala, ukukhupha isisu okanye anikezele ngomntwana ngokusemthethweni.