Ayimngcwabanga iCawa kuba eneKhorona

UBellina Nomzi Feni waseMthatha ungcwatywe ngeCawe egqithileyo ngoncedo lwezihlobo, icawa yakhe iLast Hour Harvest Ministries ingavumi kumngcwaba “kuba ebhubhe yikhorona.”

Ingxelo yosapho ithi ngaphandle kokungavumi kwale nkonzo ukungcwaba ilungu layo, le nkonzo idize ukubhubha kukaFeni kumakhasi onxibelelwano ngaphandle kwemvume yosapho.

UFeni ebengumongikazi kwisibhedlele sabucala eMthatha (Mthatha Private) ngethuba ebesutywa kukufa, ebekwalele kwesi sibhedlele ngexesha lokugula kwakhe.

Ethetha egameni losapho, uNokwanda Mtshotane uthi baxhelekile kwaye badanile zizenzo zabantu abathi bamele ilizwi likaThixo, besenza okubi ebantwini.

“Umama lo ubhubhileyo ngumakazi, umama wam nomnye umakazi bayile kwidilesi engu17 kwisitalato iWesley apho ikhoyo iCawa yaseLast Hour Harvest Ministries. Bafumene uMfundisi uWillie obaxelele ukuba uza kulinda ingxelo echaza ukuba ubhubhe yintoni umakazi, wathi ukuba ubhubhe yikhorona akasokuze amngcwabe,” kubalisa uMtshotane.

Emva kokuxelelwa oku nguMfundisi uWillie, amalungu osapho enze cebo limbi.

“Simngcwabile ngeCawa umakazi ngaphandle kwecawe yakhe iLast Hour Harvest Ministries achithe ixesha lakhe elininzi kuyo, sicele umfundisi weyam icawe ukuba asingcwabele,” kutsho uMtshotane.

Ingxelo ithi umfi uqale ukukhonza kule nkonzo ngonyaka ka2016, kwaye ebelikholwa elithembekileyo kwinkonzo yakhe.

“Thina silusapho sithe sisacinga ukubaxelela seva ukuba sele igcwele kuWhatsApp wonke le nto, kwaye bayamchaza ukuba ubulewe yikhorona,” kutsho uMtshotane.

Kuthwa akukho nelinye ilungu lenkonzo iLast Hour Harvest Ministries ethe yasondela kweli khaya ukuya kwabelana nabo ngosizi lokushiywa lilungu losapho.

Emva kweenzame ezithathe iintsuku ezimbini, I’solezwe lide lamfumana umntu okhekele iLast Hour Harvest Ministries nozibize ngokuba nguMfundisi uWillie, engavumi negama lakhe, othethe wathi.

“Andikutyali mpendulo, loo nyani uyithethayo ayikho, olwa sapho alukhange luze kucela ukungcwatyelwa koko bebeze kusazisa ngokubhubha komntu wabo, andikhange ndiyazi ukuba unayo kwalo khorona,” kutsho uMfundisi Willie.

Ngabantu abakwizigidi ezisixhenxe kwihlabathi abasele bosulelwe sisifo sekhorona, ibe ngamashumi asixhenxe amawaka abosulelwe sesi sifo eMzantsi Afrika, logama beliwaka elinesiqingatha ababhubhe sesi sifo.

siyabulela.mqikela@inl.co.za