Ayimpoxo amapolisa ophula umthetho

“Ayikho indawo yamapolisa azibandakanya nezenzo zolwaphulomthetho nanobuqhophololo apha kweli sebe lesipolisa,” la ngamazwi woMkomishinala wePhondo uNjengele Nomthetheli Mene, ekhalimela isenzo esibi sepolisa elikwinqanaba lobuConstable (33) elijongene netyala lokuqhekeza, ukuxhwila kwanokuphanga eNdonqo Square kwidolophu yaseCala ngoLwesibini.

UMene uthi akukho nalinye igosa lasesipoliseni elingapha kwengalo yomthetho. Ukwathi amapolisa akhetha ukunganaki imiqathango kwanemigaqo yasesipoliseni, aza kubanjwa kwaye atshutshiswe.

Ngokwengxelo kaBrigadier Tembinkosi Kinana, ixhoba elinama33 eminyaka ubudala ebelihleli nabantakwalo ngethuba bengenelwa ngamapolisa kwikhaya labo, lithi kungene amadoda amane ngenkani atyhiliza ucango abe enxibe iimpahla zamapolisa, ebanga ngelithi angamapolisa kwaye sele ephakamisele nemipu phezulu.

Oku kwenzeke ngoLwesibini kwiveki ephelileyo.

Aba barhanelwa bane bathathe imali, amakhadi ebhanki baze bafuna neepini zawo kwaye bathatha nemoto yexhoba eye yafumaneka kwaGarry Owen.

Ababini abarhanelwa kwaba bane baye babanjwa, kukho nelinguConstable.

Bavelile ngoLwesihlanu kwinkundla yamatyala eCala abanikwa bheyile, laze ityala lamiselwa unamhlanje (Lwesine) nalapho kulindeleke ukuba bafake isicelo sebheyile.

Ipolisa eli lona likwalindelwe kukujongana netyala loluleko lwangaphakathi emapoliseni.

Kusenjalo, kubanjwe elinye ipolisa nalo elikwayiConstable (38), elibandakanyeka kuphango olwenzeke eGreenfields eBooysens Park eGqeberha. Olu phango lwenzeke kule Cawa sisuka kuyo. Eli polisa kulindeleke ukuba livele kwinkundla yamatyala kungekudala.

UMene uthi ziyaphoxa kwaye ziyadanisa ezi ziganeko zamapolisa abandakanyeka kwizenzo zolwaphulomthetho.