‘Ayindim obulala abantu eDikeni’

“Ukusukela ngenyanga yoMdumba kulo nyaka ndabaleka ekhaya, asindim obulala abantu eDikeni, emva kokuba kwabhaqwa intombi endandithandana nayo uAngie ibhubhile, kwavela umfana ondityhola esithi wandibona ndiyibulala le ntombi notata, amapolisa andibamba andincina ngemibuzo andikhulula ngenxa yokuba kungekho bungqina bubambekayo.”

Oku kuthethwa nguPhumlani Gugu otyholwa ngabahlali beelali zaseDikeni naseXesi ngelithi, nguye obulala amanina eelali zaseDikeni naseXesi eziquka uNtselamanzi noDikidikana.

Ngomhla wokuqala kule nyanga kubulewe amakhosikazi amabini kwiziganeko ezahlukeneyo eDikeni, ngomhla weshumi elinesibini kwabulawa enye inkosikazi, abahlali bolatha kuPhumlani. “Ndinqwenela ukuba afumaneke umntu owenza le nto eDikeni, ukuze kuhlambeke igama lam, aziyonyani nezi ingxelo zokuba bendikhe ndabonwa ePhewuleni, andinawo la mabhanti bathi ndiyawanxiba,” uthethe watsho uGugu.

Ngenxa yale meko, uGugu uzile ikhaya lakhe, nokubangele ukuba angakwazi kuzimasa umngcwabo katata wakhe.

“Ngenxa yokubaleka aba bahlali bafuna ukundibulala, betyhola notata, utata ude wabhubha ngenyanga yeThupha wangcwatywa ndingekho, umama andikamboni nangoku oko ezilile, ibuhlungu le nto,” uthethe watsho uGugu.

Uyise kaPhumlani wabalekiswa kwaDikidikana sele ebhubhile waya kungcwatyelwa eMxumbu, bebaleka ingqumbo yabahlali.

Emva kokubhaqwa kwenkosikazi ibhubhile emlanjeni kwilali yaseMbizana ekuqaleni kwalo nyaka, abahlali baphinda bakhomba kuPhumlani. Bahlanu abantu ababhubhe eDikeni ukusukela oko iqalile le ngxaki.

Uceba wakwa Wadi 2 uMzimkhulu Mathayo ongomnye weenkokheli eziphambili kwidabi lokukhangela lo mtyholwa, uthethe wathi ngale meko:

“Ngoku sigxile ekukhangeleni ukuba ngenene ngubani lo ubulala abantu baseDikeni, kuyacaca ukuba lo mntu ulapha phakathi kwethu, siyazama ngokusebenzisa zonke iindlela esinazo ekuhlaleni ukufumana lo mtyholwa,” utshilo uMathayo.

Ukanti uNkosi uLanga Mavuso wesizwe samaBhele eDikeni, kwiveki ephelileyo, uthe ikomkhulu lakhe liyinxalenye yeenzame zokukhangela isisombululo.

“Kuqala bekuthwe ndingumtyholwa ophambili apha, kukho lo mfana wayekhaphe uAngie esithi uyamgodusa, naba babini athi bamncedisa ukubulala uAngie, amapolisa alenzile uphando kubo bangaphandle,” utsho uGugu. Amaziko aquka iyunivesithi yaseFort Hare eDikeni akhuphe isilumkiso kubafundi abangamanina ukuba bahlale belumkile.

Ongumphathi wesikhululo samapolisa saseDikeni uColonel Joyce Qabaka, uthi akukho nto intsha ngophando lwabo.

“Akukho nto intsha ikhoyo okwangoku, uphando lwethu lusaqhuba sikhangela ukuba ngubani lo wenza le nto apha eDikeni,” utshilo uQabaka.

Ingxelo yosapho lukaPhumlani Gugu ithi amapolisa aseChungwa anolwazi olubonisa ukuba iinkcukacha zemfuzo eziphume ngenyanga yeSilimela zibonisa ukuba ngomnye umntu owenza oku.

“Ibuhlungu kakhulu into yokuzibona ndishiya ikhaya lam ngento engekhoyo,” utshilo uGugu. Amapolisa aseMpuma Koloni kuwathathe iminyaka emithandathu ukukhangela indoda eyabulala amakhosikazi angamashumi amabini eTholeni eGcuwa, uBulelani Mabhayi.