Ayipheli iveki kungarhwaphilizwanga

Andiyazi nokuba ndim lo uphakuphaku okanye ingaba liya linyuka izinga loburhalarhume pha eburhulumenteni. Isuke yangathi ngoku izaphuli-mthetho azisenazo neentloni zisebenza emini abantu bejongile.

Ndiyafuna ukuthi lukhona uhlaselo olwenzekayo okanye oluzayo olujolise kumasebe ezobulungisa nezomthetho elilizwe lakowethu.

Mvanje isuke ingapheli kwa iveki ungavanga sehlo sikhwankqisayo esehle kwezindawo zomthetho nobulungisa ebekumele ukuba zezona zikhuselekileyo, kwaye zezona ebekumele zinkwantyelwa zizikrelemnqa.

Phambi kokuba sijonge ezi zinto ezehle mvanje makhe sizame ukujonga imvelaphi yalo mkhwa. Sikhula ke thina okokuqala, isitishi samapolisa iyindawo engcwele eyoyikwayo zizikrelemnqa, kodwa belikhe lakhula inani lezehlo zokuxhonyiswa kwezitishi zamapolisa kubiwe imikhono yekati.

Ibikade ke ihlekisa lento, kodwa ngoku iyasinekisa ngokuba ithande ukuqatsela ngakumbi. Naxa noko usengxakini ucinga indawo yokubalekela ekhuselekileyo isitishi samapolisa ibiba yindawo yokuqala, kodwa hayi mvanje.

Ngenxa yokukhula kobuqhetseba norhwaphilizo mininzi imizi yezophando ethe yathabatha uxanduva lokuveza lugwebe ezi zirhelemnqa, kodwa ngoku imihla nezolo siva ukuba nale mizi yophando yona kuqala isemngciphekweni kwababenzi bobubi.

Kwezi veki nje siphuma kuzo siye sava ngokuqhekezwa kwee-ofisi zabatshutshisi boluntu kwabiwa khona ubuchwephesha obuthwele amagama neenkcukacha zabasebenzi bakhona kunye nezinto ezithile eziphathelene nophando oluqhubayo kumatyala athile.

Ukanti kwiiveki ezidlulileyo kuye kwaqhekezwa kwii-ofisi zejaji eyintloko yenkundla yomgaqo siseko, nalapho kwabiwa ubuchwepheshe obuqulathe iinkcukacha zeejaji zonke zeli lizwe. Ungahlala uzibuze ke ukuba iinkcukacha ezinjalo zingalulutho luni kumntu ozibileyo?

Ezinkcukacha ukuba ziwele ezandleni ezigwenxa zingenza umbhodamo omkhulu kakhulu. Kaloku xa uneenkcukacha zabatshutshisi kunye neejaji ithi lo nto ukhuseleko lwazo neentsapho zazo lusemngciphekweni. Khawufane ucinge ukuba isikrelemnqa esijongene netyala singasebenzisa olu lwazi ukugrogrisa aba baphethe ityala laso, lo nto ingenza ukuba ubulungisa kunye nomthetho ungakwazi ukudlala indima ngokufanelekileyo ekugwebeni abanqalintloko.

Jonga ke zonke ezindawo zinobuxhakaxhaka bezokhuseleko olukwizinga eliphezulu kodwa izikrelemnqa zikwazile ukuqhekeza khona zingashiyi nesuntswana lomkhondo eli. Yonke ke le nto irhawuzelisa intloko.

Ndiyamthanda ke mna umphathiswa wamapolisa utata uFikile Mbalula, obekekileyo. Le ndedeba iphume elubala yathi ukuba zonke ezi zinto zinenyawo lwemfene kwaye kuyacaca ukuba abo bathintekayo ngabasebenzi pha kanye kula maziko – ithi ke lo nto noko uphando luza kuqala pha kanye kubasebenzi ngaphakathi phambi kokuba kulandelwe eminye imikhondo engaphandle.

Kula mpelaveki yokuphela kwenyanga yeSilimela nokuqala kweyeKhala siye sakhwankqiswa yimililo ethe yavuka kwii-ofisi zeenkulumbuso zephondo laseRhawutini kwakunye naseMpuma Koloni.

Uphando ke kule yaseRhawutini i-ofissi luye lwaphuma lusithi lo mlilo uqale ngenxa yeentambo zombane, kodwa apha kuthi ephondweni [eBhisho] besingeka vakaliswa isizeka bani, nangona nje bekhona abantu abathe babanjwa. Inye into esiyivileyo yeyokuba la ndawo itshileyo kwi-ofisi yalapha ephondweni ibiyile igcina amaphepha abezakufakwa kwiikhompyutha, nabezakusetywenziswa kuphando olumbaxa lorhwaphilizo kumasebebe amaninzi karhulumente kweli phondo leMpuma Koloni.

Ndithe ndakuva loo nkcazelo ndaqonda ukuba tyhini thiza ininzi into efihlwayo zezintswela-boya zichaphazelekayo kolu phando. Yonke le nto mna indixelela into enye; amaziko karhulumente agcina iinkcukacha ezinobuzaza – bekumele ukuba ukhuseleko lwawo luluqilima.

Isuke yangathi ngoku kulula ukuba umntu angene enze unothanda kuba ezama ukuzikhusela kwingalo yomthetho ngokurhwaphiliza kwakhe. Ukuba abaphetheyo abayihambeli phezulu le nto, sizakuyazi ukuba nabo bakhona kule nkquleqhu yabarhwaphilizi.

Kuye kusibanzima ukufikelela kwinyaniso kuphando lorhwaphilizo kula masabe karhulumente wephondo. Thina ke sibukele, sijongile ukuba iyakuzala nkomo ni na.