Imbongi eyaziwayo, uJessica Mbangeni, iswelekile. Ukusweleka kwayo kubhengezwe lusapho namhlanje emini maqanda kwingxelo epapashwe kwikhasi lonxibelelwano, uFacebook.
UMbangeni waseNgqamakhwe kwiphondo leMpuma Koloni ebengumntu owaziwayo kakhulu kwicandelo lobugcisa ngoba ebeyimbongi futhi ekwa yiyo nemvumi yomculo womngqungqo. Kanti ke akuphelelanga apho ngoba ebekhona nakwicala lenkonzo ngoba ebezibiza ngokuba unguBhishophi.
“Sibuhlungu ukunazisa ngokusweleka kukaJessica Mbangeni. Usisi wethu usishiyile wawelela kweloo bawo omkhulu,” itshilo ingxelo ekhutshwe lusapho.
Okwangoku akukacaci nokuba yintoni unobangela wokubhubha kwakhe ngoba khange kuvakale nto ethi akaphilanga. “Ngeli xesha lobunzima, silikhaya sicela ukunikwa ithuba lokuzila. Sibulela inkxaso esuka kubo bonke abantu abamaziyo nezihlobo zakhe. Iinkcukacha ngomhla wesifihlo zakupapashwa ethubeni,” itshilo ingxelo ekhutshiweyo.
Amabhokobhoko ebethe iNew Zealand kwaqina ubunganga bawo embhoxweni wehlabathi