Imvumi yomculo weAfropop nokwangumdlali kamabonakude uWinnie Khumalo usweleke eneminyaka engamashumi amahlanu ananye (51) ubudala emva kokugula ixeshana.
Isithethi sosapho kunye nodade wale mvumi, uTshepi Rakeepile, ethetha nenkqubo yeendaba uziqinisekisile iindaba zokusweleka kukaWinnie.
“Sibuhlungu kakhulu njengosapho ukubhengeza ukusweleka kukadade wethu esimthandayo, umama, umhlobo wethu, uWinnie Khumalo. Usweleke emva kokugula ithutyana,” utshilo uTshepi.
UTshepi uthi intombi kaWinnie, uRethabile Khumalo, nguye owasa umama wakhe owayegula esibhedlele kodwa le mvumi yasweleka besendleleni eya esibhedlele.
Ethetha ngezinto awayezenza esaphila, uTshepi uqhube wathi uWinnie wayekuthanda ukonwabisa. “Siyamazi ngomculo wakhe, kodwa uphinde wavela kwimiboniso bhanyabhanya emibalwa nakwimidlalo kamabonakude. Ebenenkampani yokurekhoda umculo ebizwa ngokuba yiWinnkay Music Records apho uRethabile wayephantsi kwayo kwaye naye wakhupha iingoma zakhe ezimbalwa kuyo. Ebengumntu okhutheleyo,” utshilo uTshepi.
UWinnie wazalelwa eSoweto, eGoli. Waqala ukuzibandakanya nomculo ekwiminyaka elishumi elinesihlanu (15) kuphela xa wayekhupha amacwecwe afana noHey Laitie, Tshina Tshina kunye necwecwe elithi Dlamini ngeminyaka yoo1980.
Ngexesha lakhe njengemvumi usebenze nongasekhoyo uBrenda Fassie, Sello Chicco Twala, pure Magic, Sipho Mbele, Brothers of Peace (B.O.P), Bongo Maffin, Zonke Dikana noDJ Cleo, ukubalula abambalwa.
UWinnie ushiya ngasemva umama wakhe, abantwana ababini, abazukulwana abathathu kunye noodade bakhe abathathu.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo