Ayixolanga iContralesa

Nangona izakunyuka imivuzo yeeKumkani, iiKumkanikazi neeNkosi zoMzantsi Afrika, umbutho weContralesa awuxolanga ngendlela enyuka ngayo le mirholo nendlela eziphethwe ngayo ezi nkokheli zemveli.

Isebe elijongene nentsebenziswano nemicimbi yemveli kweli likhuphe igazethi eqinisekisa ukuba izakunyuka imali yeeKumkani, iiKumkanikazi neeNkosi kulo nyaka-mali ka2018/2019.

Umongameli walo mbutho kuzwelonke uNkosi Mathibela Mokoena, uthi bayakwamkela ukunyuka kwale mirholo kodwa kusekuninzi abanqwenela ukuba kutshintshe kwindlela abasebenzisana ngayo norhulumente.

“Kukho umsantsa omkhulu phakathi komrholo weeKumkani nomrholo weeNkosi, ooceba bamkeliswa imali eyahluke kakhulu kwimali eyamkeliswa iiNkosi, ukutshintsha kwezo zinto kungasixolisa,” uthethe watsho uMathibela.

Le ngxelo ithi izakunyuka ngomyinge weepesenti ezine ezinesiqingatha imirholo yeeKumkani neeKumkanikazi, logama iiNkosi zona zizakunyuselwa umrholo ngeepesenti ezisibhozo. IiKumkani neeKumkanikazi zeli zamkela imali ekwisigidi seerandi (1.26Million) ngonyaka, zona iiNkosi zamkele imali engaphantsi kwamawaka alishumi ngenyanga.

“Thina asinazo izibonelelo ezifunyanwa ngooceba, siphelele kulo mrholo siwamkelayo, xa iNkosi ibhubhile akukho mali ifunyanwa lusapho emva kokubhubha kwayo, asinakuxola yilo nto,” utshilo uMathibela.

Uthi amaphondo athile anika iiNkosi zawo isibonelelo esenza ukuba imirholo yezo Nkosi ingafani neyamkeliswa iiNkosi kuzwelonke.

IKumkanikazi yesizwe sabaThembu uNoluntu Dalindyebo, uthi le nguqu iza kwenza ukuba butshintshe ngokucacileyo ubomi nomsebenzi owenziwa ziiKumkani neeNkosi. “Yinto entle kakhulu leyo kuba le mali inyuka emva kwexesha elide kakade, mkhulu umsebenzi owenziwa ziiNkosi, iza kuqina intsebenziswano phakathi kwethu norhulumente, kuphucuke impilo yabantu,” itshilo iKumkanikazi.

Usihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni, uNkosi uMwelo Nonkonyana, yena uqhwabele izandla igqiza leeNkosi, amagosa karhulumente, iContralesa nabo bonke abebesebenzela ukuba kunyuswe le mivuzo.

“Sibulela kakhulu kubo bonke, thina apha ephondweni singabulela kakhulu kuBurns Ncamashe ngokusebenza nzima egameni leli phondo ukuba sikwazi ukubona le mirholo inyuka,” uthethe watsho uNonkonyana.

Le mivuzo kulindeleke ukuba ihlawulwe ukusukela kwinyanga kaTshazimpuzi.

UNonkonyana naye ungenelele kwelokuba mayiphuculwe nangakumbi imirholo yeeNkosi kweli.