Ayixolanga yimiqathango kaMotsamai i-PAC

AWUXOLANGA umbutho wePAC ngemiqathango yokukhululwa ebekelwe igqala le APLA uKenny Motsamai nosedontse amashumi amabini anesithandathu eminyaka.

Oku kuthethwe ngumongameli walo mbutho uLuthando Mbinda. UMbinda ugxeke urhulumente okhokelwe yi-ANC ngokubeka imiqathango engqingqwa ngakuMotsamai ubungenzanga njalo kumabanjwa olwaphulo-mthetho kwabantsundu afana no-Eugene de Kok.

UMotsamai unikwe ingqawule enemiqathango ethi uzakukhululwa entolongweni ngentsimbi yesixhenxe ekuseni, aphinde abuye ngentsimbi yesibini malanga.

Walile ukuphuma ngelithi ufuna ukufunda aqiniseke ngemiqathango yokukhululwa kwakhe.