Umbutho weAfriForum uqhube uqhankqalazo eFreedom Park ePitoli ngelibonakalisa ukuchasa kwabo ukupasiswa komthetho iBasic Education Laws Amendment (Bela) Bill.
Lo mbutho uthi uxhalabile ngokuba ukupasa kwalo mthetho kuza kuphazamisana namagunya nobunganga bolwimi lwesiBhulu.
Kuthiwa lo mthetho – phakathi kwezinye izinto – ugunyazisa ukuba kufundiswe izifundo ezithile ngeelwimi zenkobe. IAfriForum iqhuba olu qhankqalazo ixhaswa yimibutho engamashumi amane ehambisana noluvo lweAfriForum.
OnguMlawuli weAfriForum, uKallie Kriel, uthi injongo yabo kukuvakalisa ukuchasa kwabo lo mthetho ukuze ungahambeli phambili.
“Ukupasa kwalo mthetho kuthetha ukuba izikolo ebezisebenzisa ulwimi lwesiBhulu kuphela zizakuphela kuba abanye abafundi bathetha ezinye iilwimi ngaphandle kwesiBhulu, ngoko sizama ukukhusela ulwimi lwesiBhulu,” kuthetha uKriel.
Uthi abanakuvuma ukutshatyalaliswa kwamaziko enkcubeko yolwimi lwesiBhulu afana nezikolo ezifundisa ngolu lwimi. “Abantu abathetha isiBhulu abanawo amanye amaziko okukhulisa nokukhusela amasiko nezithethe zabo, izikolo zesiBhulu zezona ndawo sisele nazo ukukhusela ulwimi namasiko nezithethe zethu,” utsho uKriel.
Amasolotya athile alo mthetho apasisiwe nguMongameli weli uCyril Ramaphosa, logama kulindeleke ukuba kugqityezelwe ukupasiswa kwalawo aseleyo.
“Lo mthetho awuzukutshabalalisa izikolo zesiBhulu kuphela, koko uza kutshabalalisa iziseko zamasiko nezithethe zabantu abathetha isiBhulu, ngoko sikuchasile ukupasiswa kwalo mthetho,” ugadlele watsho uKriel.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika