Ayizokonyuka imali yokufunda eWSU

Inqununu entsha yeYunivesithi iWalter Sisulu uRob Midgley ungenelele kwelokuxhasa umbono wokuba ingenyuki imali yokufunda kunyaka ozayo kwela ziko-mfundo, elandela ugxa wakhe waseFort Hare uNjingalwazi uMvuyo Tom.

Lo kaMidgley uthi akasiboni isizathu sokuba imfundo ingafikeleleki kubantwana ababonakalisa umdla wokufunda kweli.

“Inyaniso kukuba imfundo kweli ifumaneka ngexabiso eliphezulu kakhulu, ngoko asithandabuzi ukuba abafundi kumele ukuba banikwe imfundo, abo bakwaziyo ukuhlawula bahlawule ngoluhlobo atsho ngalo umphathiswa,” utshilo uMidgley.

Le nqununu intsha yaseWalter Sisulu ithethe oku ngethuba ibizele amajelo endaba kwelaziko ePotsdam ngenjongo zokunabisa isicwangciso sakhe seminyaka emihlanu ezayo.

“Sizakuthethana nawo onke amaqela akhoyo apha eWSU ngenjongo zokuba kuthathwe isigqibo ngendlela esizakwenza ngayo ukujonganga nalenkqubo yokuba ingazukunyuka imali kunyaka ozayo,” utshilo uMidgley.

Uthi zizakuba khona ingxaki ngenxa yokuba bengazukunyusa imali yokufunda kunyaka ozayo, kodwa bazakupheka amacebo okujongana nezongxaki.

Oku kulandela ingxelo eyenziwe ngumphathiswa wesebe lemfundo ephakamileyo kuzwelonke uBlade Nzimande nalapho athe amaziko emfundo ephakamileyo anegunya lokwenza inguqu, kodwa angagqithi kwipesenti ezisibhozo ekhulwini ukunyusa imali yokufunda.

“Okona kunika umdla kukufumanisa ukuba urhulumente wethu uyayiqaphela into yokuba amaziko emfundo ephakamileyo anegunya lokuthatha izigqibo ezithile siyavuya yilonto,” uthethe oko uMidgley.

Uqhube wathi bayakubulela ukwandiswa koncedo kubantwana abahluphekayo abafunda kumaziko emfundo ephakamileyo.

“Thina apha eWalter Sisulu sinabantwana abaphuma kumakhaya ahluphekayo aphaya kumashumi alithoba epesenti ekhulwini, ngoko ke ukungenyuki kwemali yokufunda kuzakubanceda abantwana bethu,” utsho uMidgley.

Le nqununu yenze lentetho iphahlwe ziinjingalwazi eziyinxalenye yegqiza elilawulayo eziquka uNjingalwazi uPrince Jaca ophethe iziko laseMonti, Njingalwazi Mlungiseleli Jadezweni weziko laseMthatha kunye noNjingalwazi Victor Mtetwa.

Ukanti usihlalo webhunga labafundi kula yunivesithi uThulani Landu uthi bayazamnkela ingxelo zokuba ayizukunyuka kunyaka ozayo imali yokufunda.

“Zindaba ezimnandi zona ezi kuba apha uthethe ngabafundi abebezibona beshiya isikolo ngenxa yokungabinamali yokufunda, kodwa akukagqutywa kuba thina sifuna ukuba ipheliswe yonke intlawulo kwiyunivesithi zoMzantsi Afrika,” uthethe oko uLandu.

Lo kaLandu uthi bazakubamba indibano ngolu rhatya kodwa akulindelekanga ukuba kubekho zingxaki emva kwalo ndibano. Inqununu yaseFort Hare uTom uthi uninzi labantwana abafunda kwela ziko baphuma kumakhaya ahluphekayo ngoko yinkqubo eyamnkelekileyo.

Abantwana abazakuxhamla kule nkqubo baquka abafunda ngoncedo lesibonelelo sikarhulumente iNational Student Finincial Aid Scheme kwanabo banabazali abamnkela imali engaphantsi kwamakhulu amathandathu amawaka erandi (R600 000).