‘Ayizozinja, ziidimoni ezi’

ULinda Bombo wakuKomani eNew Bright ojike ekufeni, ebonisa ngamanxeba awafumene emveni kokulunywa yinqwaba yezinja UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

ULinda Bombo lixhoba lokugqibela lokudlakazwa zizinja ezingenalusini kwaMlungisi eKomani, nesele zibulele amadoda amathathu ukusukela oko kuqale lo nyaka.

Ingxelo ithi eli gquba lezinja lenza lo mkhuba wokuxhela abantu ingakumbi amadoda ebusuku ukusukela emva kwentsimbi yeshumi. ULinda ugagene nazo emva kwentsimbi yeshumi ngomhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga kaCanzibe, zazenzela kuye, kodwa walwa.

“Ndohlike kwimoto yoogxa bam, ndithe ndinyuka ngesitalato esiya ekhaya, zavela ezi zinja zikwishumi elinesibini zandidlakaza zinditya, zingxamele ukuza emqaleni nalapha ngaphambili, zide zacima kum izibane ndisilwa nazo,” ucacise watsho uBombo. Le ndoda ithi ayithandabuzi ukuba ayizozinja ziqhelekileyo ezi ngokwendlela ezenza ngayo lo msebenzi. “Zizinja xa ukhangele kodwa indlela ezikhohlakele ngayo ayiqhelekanga, zindikrazule impahla ndaze, zasusa inyama apha ezingalweni kuba bendihlanganisela umqala zifuna ukuza emqaleni, iindlebe zombini zityiwe.”
UBombo ugqibe isithuba seeveki ezine esibhedlele sakuKomani naseFrere eMonti, emva kokonganyelwa zintlungu zale ntlekele. Imikrwelo ebusweni iyabalisa, iingalo zidlakadlaka, imilenze ngathi ebehamba ehlathini, umzimba unemikrwelo ebonakalisa inkohlakalo yezi zinja.