“Ndikhumbula ndimbuza ukuba ufunda ntoni na Uyi-Uyi, ndamva ekhawulezisa endiphendula kodwa ndamxelela ukuba magangxami ayichaze kakuhle. Wahleka kancinci watsho eyibiza,” utshilo uMaxegwana ethethela inkonzo yosapho. UMaxegwana uthi ayingoMdali lo ubulele uUyinene. “Ndifuna ukuthi uThixo, ondlela zingaziwayo, singoobani na thina ukumphikisa sithi bekufanele wenze njani. Kodwa njengetyalike, asididekanga tu. Siyayazi ngokucacileyo eyokuba asingoThixa owenze le nto. UThixo akabulali. Siyayazi ukuba ngumtyholi lo wenze le nto.” Yena uEsona Mrwetyana, ubhuti kaUyinene, umchaze udadewabo njengomntu obesoloko ephendla izinto, engavumi kungvunyiswa.
“Besikhe sixabane nangerimowuthi kamabonakude kubenzima endlini. Ebhubha nje usisi wam, uthabathe inyathelo lokuphila impilo yococeko ngokomzimba. Ebengasayityi inyama, esela amanzi kuphela futhi ezilolonga umhla nezolo,” kutsho uEsona. U-Esona ukwabalule nokuba bekungalulanga kuye ukuqubisana nombandela wokulahleka kukadadewabo. “Bendizibuza ukuba uphi Thixo? Ndinemibuzo emininzi. Kodwa ndiyayazi ukuba uThixo uveza iimpendulo ngeendlela Zakhe,” kutsho uEsona. U-Uyinene ushiya ngasemva umama notata wakhe kwakunye noEsona. Ungcwatyelwe eQina kuCentane ngenjikalanga yangoMgqibelo.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!