Ayonyuka amanani amanina azibandakanya kushishino lentsangu

Intsangu ebhaqwe kowasetyhini kuGatyana naseGcuwaUMFANEKISO: UTHUNYELWE

Unikwe isohlwayo sokuba abhatale imali engange-R800 kungenjalo achithe iintsuku ezingamashumi amathandathu engaphakathi eziseleni umama obebhaqwe ngamapolisa akuCentane elime intsangu ngaphakathi emzini wakhe.

Lo mama wohlwaywe yinkundla yamatyala alammandla ngoLawesibini kule veki ngethuba evela kwiinkundla zamatyala.

UMama onamshumi amahlanu anesithandathu (56) ubudala ubanjwe ngeCawa emzini wakhe kwilali yakuManyube Komkhulu kuCentane.

Isithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson manath uthi, ixhoba libanjwe emva kokuba amapolisa ethelwe tshupha ukuba utyale intsangu lo mama egadini yakhe. Kulindeleke ukuba achithe inyanga ezimbini ngaphakathi eziseleni kwintolongo yakuCentane okanye ukuzisindisa abhatale iR800 yeerandi.

UKanti kusenjalo, isithathu sabasetyhini abaphakathi kwamashumi amathathu eminyaka ukuya kumashumi amathandathu anesibini ubudala, ebebebanjwe ngempelaveki kwakuCentane, omnye kwidolophu yaseGcuwa kwangezehlo zokuba nentsangu bakhululwe emva kokuba bethe babhatala izohlwayo zabo ebebezinikwe yinkundla yalammandla. Oko kudizwe nguKapteni Manatha.

Lo wasetyhini eGcuwa (33) ubanjwe ngamapolisa kusasa ngeCawe emva kokuba ampolisa eve ukuba ushishina ngentsangu. Intsangu leyo ixabisa imali engange R10 000. Ewonke lamakhosikazi ebebanjwe ngempela veki phantsi kwaseMnquma ebemahlanu omnye kubo engowedolophu yaseNgqamakhwe nobefunyenwe enelahle lompu.

Le ntwazana inamashumi amabini anesine ubudala. Ibivelile kuMvulo wale veki laphinda lamiswa ityala layo.