Aza kuthotywa amaxabiso amanzi eNtshona Koloni

AZA KUTHOTYWA amaxabiso okuhlawula amanzi kuyekelelwe nendlela elawula ukusetyenziswa kwamanzi nanjengoko usenyuka umthamo wamanzi emadamini.

Iimvula zobusika ezisanethayo nokonga amanzi kubangele umthamo wamanzi uyokuma kwi68%. Kususela ngomhla wokuqala kule nyanga izayo, uLevel 6B wokulawulwa kwamanzi uza kucuthwa ngepesenti abenguLevel 5.

“Umthamo wamanzi emadamini aseNtshona Koloni ume kwi68%. Wenyuke kakhulu umthamo xa sithelekisa nemeko ebe sikuyo kubusika balo nyaka uphelileyo apho amanzi ebeme kwi38%. Besikwimbalela enqabe kangangokuba iqikelelwa ukuba ingabuya kwiminyaka ezingama311 ezayo,” utsho uSekela Sodolophu waseKapa, uIan Neilson.

Umthamo wamanzi ovumelekileyo kumntu ngamnye ngosuku uzokonyuka ukusuka kwiilitha ezingama50 ukuya kwezingama70, utsho.

“Ukunqongophala kwamanzi kwakhokelela ekuphunyezweni kukaLevel 6B kweyoMdumba. Kwathi nje umthamo wamanzi wakufikelela kwi50% ekuqaleni kweyeKhala, isixeko sabiza iingxoxo neSebe lezaManzi malunga nokuyekelwa kwemithetho elawula ukusetyenziswa kwamanzi. Kwafikelelwa kwisivumelwano sokuba ngenene makuyekelelwe umxakatho. Ngoko ke, kuza kuyekelelwa indlela elawula ukusetyenziswa kwamanzi ukuya kutsho kuLevel 5 ukususela ngomhla wokuqala kweyeDwarha,” utsho uNeilson.

Uthi oku kubangelwe yimvula eninzi efumaneke kwinyanga kaCanzibe neyeSilimela. “Khange kunethe kangako kweyeDwarha. Kuphinde kwakho utshintsho kweyeThupha neyoMsintsi.”

UMandisi Jongilanga waseKuyasa uthi uyavuya xa liza kuthotywa ixabiso lokuhlawulwa kwamanzi. “Sixakene nento ekhaya. Ityala lingaphaya kwamandla ethu. Ndinqwenela ade agcwale amadami mhlawumbi lingacinywa nelo tyala lethu,” utsho.

Iqela labahlali ebabe xhalabile ngemeko yokunqaba kwamanzi abazibiza ngeWater Crisis Coalition baqhankqalaza kwizitalato zasedolophini eKapa kweyoKwindla. Babevakalisa inkxalabo yabo ngomhla wokuphela kwamanzi owawubizwa ngoDay Zero. Babekhatshwa yiSouth African Federation of Trade Union (Saftu). Iinjongo zolo qhankqalazo yayikukunyanzelisa isixeko ukuba sikhuphe izixhobo ezijonga ukusetyenziswa kwamanzi ezindlini.