Azakube ezilwela kubundlobongela amanina aseRhodes

 Kwiziganeko ezithe gqolo zisenzeka zobundlobongela ngakumanina , kwenze ukuba iOfisi ejongene nomakulingwane kwakunye nenkcubeko kwiYunivesithi iRhodes eRhini,  ikunye namalungu ebhodi yabafundi , bashukume njengoko ngomso bezakubamba umngcelele wokulwa izehlo zokuxhatshazwa.

Umngcelele uzakuqala ngentsimbi yeshumi kusasa usiya eFingo Square  ukuya ngentsimbi yeshumi elinesibini.

 Okwezonxibelelwano kule ofisi, uNcebakazi Ntsokota,  uthi umngcelele bekufanele ubanjwe kwinyanga edlulileyo, inyanga ejongene namanina ngokwezicwangciso zabo,  kodwa oko akudanga kwabe kuyenzeka.

 “Ubundlobongela benzeka umhla nezolo akunanyanga itheni okanye usuku olutheni,  nale inyanga ilungile kuba amanina axhatshazwa yonke imihla.”

 UNtsokota udiza ukuba basuswe ziziganeko ezenzekayo esikolweni nangaphandle zokuxhatshazwa kwamanina kube kukudala zivela nakwiindaba,  kodwa kungabikhonto yenzekayo. Uthi ayizukuba yiyunivesithi yodwa babandakanye noluntu lwaseRhini lonke kuba uxhatshazo luchaphazela wonke umntu eRhini.

Kumngcelele kuzakube kukhunjulwa namaxhoba obundlobongela afana noKarabo, Kwezi, Lelona, Fufu, Boitumelo,Manyadione,Amanda Tweyi, Noluvo Swelindawo kwakunye nabanye abangamaxhoba oxhatshazo kwiindawo zasekuhlaleni.

 Umngcelele lo ukwajolise ukubonisa inkxaso kuluntu kwizicwangciso zomphathiswa wamapolisa, uFikile Mbalula.

Amasebe alindeleke kumngcelele, lelentlalo yoluntu, elesipolisa kwakunye nelezempilo, apho bazakube bechaza ngeenkqubo zabo xa ethe lowo waxhatshazwa.  Abahlali baseRhini bayabongozwa ngobuninzi babo babeyinxalenye noku.