Azakungcwatywa amathambo ejoni lomzabalazo

Umasipala waseNgcobo ebambisene nomasipala wesithili iChris Hani balungiselela ukubuyisa amathambo egqala lomzabalazo uMonwabisi Bonile Ntshinka.

UNtshinka wazalelwa eSoweto eRhawutini ngonyaka ka -1958, noxa eyinzalelwane yaseNgcobo.

Wafunda kwizikolo eziliqela ezingqonge iNgcobo waza waphumelela ibanga leshumi ngonyaka ka -1976 eSt John’s College. Ngonyaka ka -1977 waya kufunda kwiYunivesithi iFort Hare eDikeni kulapho waye wazibandakanya nezopolitiko.

Ngenxa yezidu-bedube ezazikho ngexesha kuliwa norhulumente wengcinezelo, uninzi lwamagqala omzabalazo kwakunyanzeleka ukuba bazimele baye kwamanye amazwe bayofunda okanye bafumane uqeqesho. Naye uNtshinka wazeka-mzekweni walifulathela eli loMzantsi Afrika ngonyaka ka -1978.

Ekuhambeni kwakhe kweli waya kwilizwe laseZambia nalapho wathi xa ephuma watshintsha igama waba nguVusi Tshabalala, ukusuka apho waya eBotswana nalapho wafika watshintsha kwakhona waba nguPule Matsawu.

Ukusuka kwakhe eBotswana waya kwilizwe laseZimbabwe ekunye namanye amatsha-ntliziyo omzabalazo, kulapho waswelekela khona. Utatomncinci wakhe uMveleli Ntshinka uthi ngomhla wesihlanu kwinyanga kaDisemba -1988 belusapho bafumana umphanga wokuba uMonwabisi usweleke kwingozi yemoto ngomhla we-17 Novemba kwakulo nyaka.

Nangona sele kugqithe iminyaka engamashumi amabini anesixhenxe aswelekayo uNtshinka, usapho lwakhe luyavuya kakhulu ngokuziswa kwamathambo akhe ekhaya aze kungcwatywa ngesidima.

UMveleli uthe: ‘’Xa ilungu losapho liswelekile , emva komngcwabo niyaxola nilusapho kuba niyazi indawo abekwe kuyo , nathi sizakutsho sixole ngokubeka unyana kamkhuluwa ecaleni kukayise’’.

UMveleli lo kunye nomninawa womfi uZuko baza kuba ngabanye babantu abaza kuya kwilizwe laseZimbabwe ukuyokuphuthuma amathambo kaMonwabisi, kulindeleke ukuba la mathambo angcwatywe kwakhona ngomhla wokuqala kwinyanga ka-Agasti kwilali iXonya eNgcobo.