Azapo: Sasinyanisile, kodwa sazibetha

OMNYE wemibutho eyalwela uluntu lweli kwingcinezelo, iAzanian People’s Organisation (Azapo), uthi uchulumancile kukubona uluntu luyivuma inyaniso eyabangela lo mbutho ukuba ungazibandakanyi kunyulo luka1994 noxa nje bekholelwa ukuba yababetha lo nto ngokwenkxaso yefuthe leevoti zolonyulo.

Ngonyaka ka1994, ukuqala konyulo lwentando yesininzi, iAzapo yala ukuthabatha inxaxheba kunyulo kuba ibanga ngelithi iingxoxo zoxolo zoMzantsi Afrika ophantsi kwedemokhrasi zazisekelwe “kubuqhetseba”.

USihlalo kazwelonke kwiAzapo uNelvis Qekema uncokolele I’solezwe lesiXhosa phambi kwenkongolo kazwelonke yalo mbutho yeentsuku ezintathu eza kubanjelwa eBhayi ukuqala ngomso (Lwesihlanu).

“Olwathethwathethwano kwakungekho mhlaba kulo, abelungu babesibethe ngemfe iphindiwe. Babefuna ukuthabathela ubutyebi ngakubo, ukuze thina sishiyeke siqhuba iiBMW kwanee-ofisi ezinomoya obandayo (air-conditioner).

“Apha ekuhambeni kwethuba, nangona sasibona ukuba loo ngqiqo yayisekelezelwe enyanini sabona ukuba yasibetha kakhulu kuba yabangela ukuba sivaleleke ngaphandle kunyulo luka1994, ngenxa yalo nyani yethu,” utshilo uQekema.

UQekema uthi ukuzibandakanya kunyulo kufuna umbutho onemali. “AsinaBOSASA, asinaVBS! Yiyo lo nto kunzima ukuzibandakanya kunyulo. Kodwa into esichulumancisayo yeyokuba wonke umntu uthi iAzapo yayinyanisile kwiingcingane zayo. Wonke umntu uthetha ngomhlaba ngoku,” utshilo uQekema.

Ngomso le nkongolo iqala ngesifundo sesikhumbuzo segqala leAzapo elingasekhoyo uNgcobo Nguna, ze ngoMgqibelo kubanjwe umngcelele ochasene nokuphathwa gadalala kwabo bathandana besisini esinye okanye batshintshileyo ngokwesini. KwangoMgqibelo njalo kuza kubanjwa umngcelele ochasene nokubulawa kwabantu baseBhayi abakushishino olukwibakala elincinane (SMMEs). Kukwakho nentetho eza kwenziwa yimbongi uZolani Mkiva ze kwenziwe nentetho yobume belizwe (State of the Nation Address) nguMongameli weAzapo uStrike Thokoane.

“Into ephambili eza kugxila kuyo le nkongolo yimeko ejongene nelizwe. Akukuhlanga elizweni. Unyaka nonyaka sibona uqoqosho ludodobala, urhwaphilizo lona luyaqatsela. Into eyoyikisa kakhulu kukuba iiKomishini ezibekelwe ukuphanda urhwaphilizo kukuba akuphandwa bantu bangaziwayo koko kuphandwa abantu abaziwayo. Ilizwe lethu ligutyungelwe ngamagintsa.

“Phaya KwaZulu Natal umntu ozama ukuphikisana nala magintsa uyabulawa. Nalapha eBhayi ngoku oosomashishini abasakhasayo bayaphela bebulawa ngenxa yezidubedube eziphehlwa zezopolitiko. Le nto ifuna thina siziphicothe ukuba siyibhude phi singumbutho. Izingqi zethu azivakalanga tu ngendlela ebesinqwena ngayo,” utshilo uQekema.

UQekema uthi babone ukuba bazise le nkongolo eBhayi kuba le ndawo ibaluleke kakhulu kwiAzapo.

“Yiyo le nto siza eBhayi kumanyange ethu, kuba sizalwa nguSteve Biko. UBiko wabanjwa eRhini (eMakhanda) kweyeThupha 1977 wayokuvalelwa eWalmer eBhayi phambi kokuba ayokwenzakaliswa eSt Albans kwaseBhayi. Kutheni singenoya apho umoya wamanyange wethu ukhoyo? Sifuna ukubuyela emva kweza ngcinga zikaBiko zokuzidla ngebala elimnyama.”

Ukanti akulindelekanga lonyulo lwesigqeba esitsha kule nkongolo ngaphandle nje kokuxoxwa ngemiba edla umzi kwanaleyo yombutho. Noxa kunjalo iinkokeli zamaphondo athile zivakalise ukuba ziza kuphakamisa umbandela wokuba makonyulwe kule nkongolo.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za