‘Azibuyi iimpuku nemali yam’

“Ndaboleka iimpuku zemali ngenjongo zokuba zindiphathele imali, kodwa kude kube ngoku andikafumani mali, kwaye nale ndoda yanyamalala nemali yam (R13 000)!”

Oku kuthethwe yinkosikazi yaseDikeni, uPhumela Mbewu, olixhoba lamagqirha obuxoki athatha imali zabantu kweli.

Le nkosikazi ixelele I’solezwe ukuba yakhupha imali engamakhulu amathandathu kusithwa izakubolekwa iimpuku zemali ziyithuthele imali.

“Ngaphandle kwaleyo ndaphinda ndahlawula amawaka amahlanu erandi (R5 000), ibhokhwe, iibhotile zebranti nezinye imali ezincinci kusithwa zizakuthutha imali ezi mpuku,” uthethe watsho uMbewu.

Ingxelo yale nkosikazi ithi ngugqirha womgunyathi ozibiza ngokuba nguGqirha Ntsimbi owathi wathatha imali yakhe emthembisa ngezi mpuku.

“Rhoqo xa ndiye endaweni asebenzela kuyo bendiboniswa imali, kusithwa le mali iza kuba yeyam yonke xa sigqibe le nkqubo yokuba ndilungiselelwe ukufumana imali,” uthethe watsho uMbewu.

Uthi kwisihlandlo sokugqibela unyanzeliswe ukuba athenge amaqanda amathandathu ethenjiswa ukuba eso sisihlandlo sokugqibela. Umtyholwa kurhanelwa ukuba uyinzalelwane yamazwe angaphandle koMzantsi Afrika.

“Akakwazi kuthetha isiXhosa lo mntu kodwa uyasizama. Uvakala nje ukuba akanguye umXhosa, andimazi ngoku ukuba uyephi nemali yam akasafumaneki kwindawo ebesebenzela kuyo,” uthethe watsho.

Ingxelo yamapolisa aseDikeni ithi ziqhelekile iziganeko zokuthathwa kwemali yabantu ngolu hlobo kula ndawo.

Umcuphi oncokolele I’solezwe akavumanga negama lakhe kodwa uyazazi ezi ziganeko.

“Ngo2012 omnye umntu wayesandula kufumana imali yakhe yomhlala-phantsi, wathathelwa imali ekumakhulu asibhozo amawaka eerandi (R800 0000) kwangoluhlobo, laliphandwa ndim elo tyala sakhangela sancama,” uthethe watsho umcuphi.

Omnye umcuphi wesikhululo samapolisa aseDikeni uthi uphande ityala lokuthathwa kwemali ephaya kumashumi amahlanu amawaka erandi (R50 000) ngaphandle kwempumelelo

Oku kwenzeka kanye logama ilizwe loMzantsi Afrika lijijisana nengxaki yokubukulana phakathi kwabemi beli kunye nabo baphuma kumazwe angaphandle.

Ukanti igqirha eliyinzalelwane yelizwe laseKenya uGqirha Emma Mwongi, uthi yena wenza lo msebenzi ngokungena chaphaza.

“Imbi le nto yenziwa ngaba bantu kuba iza kusithelekisa nabantu belizwe loMzantsi Afrika, senza le nto kuba sixakekile thina sishiye amazwe ethu ngenxa yeengxaki.”

Yimali ekumakhulu asibhozo namashumi amathandathu anesithathu amawaka iyonke imali ethathwe kubahlali baseDikeni ngoluhlobo lobuqhophololo (R863 000).