Azikakholeleki ezokubhubha kukaTantsi

Obesakuba ngumanejala womasipala waseMnquma uSindile Tantsi, nobhubhe kutshanje kwingozi yemoto.

Umbutho
wabathengisi zitalatweni, iButterworth Hawkers Association, idlulise amazwi
ovelwano kusapho lalowo obenguManejala woMasipala waseMnquma, uSindile Tantsi.

UTantsi
ubhubhe emva kokugaxeleka kwingozi yemoto emasikizi eyehle kufuphi naseHarding
kunxweme olusemazantsi ephondo laKwaZulu Natal
ngokuhlwa kwangoLwesine.

Unobhala
weButterworth Hawkers, uNonkanyiso Voyi, uthi abakayikholelwa into yokusweleka
kukaTantsi.

“Ibingumntu ofikelelekayo
uTantsi kwaye ethanda abantu ingakumbi abo bahluphekayo, singumbutho
asikayikholelwa into yokusweleka kwakhe,” utshilo uVoyi.

Ukwathi akukho
nto bayisolayo malunga nokusweleka kukaTantsi obesebenzisana nabo kakuhle kwiinkqubo
zokunceda uluntu olusokolayo eMnquma.

Ingxelo zithi
uTantsi ebehamba noonogada bakhe ababini ngethuba kusenzeka ingozi, kwaye naye
omnye ubhubhile ngokokutsho kwemithombo ethembekileyo, esondeleyo kuTantsi.

Lo mbutho
wabathengisi zitalatweni ebesoloko exhasa lo kaTantsi kwimilo yezopolitiko
ibigubungele uMasipala.

Kangangokuba
kwade kwatyholwa lo mbutho ngokuba ufumana imali ezithile kulo Manejala.

UVoyi uthi
uTantsi ebebanika inkxaso kwiphulo labo lokunikezela ngeengubo kubantu abadala
kwaye ekwaphisa ngokutya kwiintsapho ezisokolayo.

“UTantsi ebekwazi
ukukhupha empokothweni kuye anike elo khaya alibona lisokola, lo nto zange
yenziwa nangomphi uManejala woMasipala waseMnquma owakhe wakhona ngaphambili,”
uqhube watsho uVoyi.

Wongeze wathi
umfi ibingumntu onovelwano xa ebona umntu otsala nzima, kuba ebekwazi
ukumnceda.

UTantsi
ebengundaba-mlonyeni kutsha nje emva kokubanjwa kwakhe ngezityholo zobuqhetseba
obubandakanya izigidi ezilishumi zeerandi zethenda kumasipala waseMnquma.

Ebutsheni beveki
ngoMvulo ebevele ngaphambi kwenkundla kaMantyi eGcuwa malunga nezityholo
zorhwaphilizo, ubuqhetseba kunye nokwehlisa ngomlenze imali ze ityala lahlehliselwa
umhla wesibhozo kuCanzibe.

Abanye
babasebenzi boMasipala basebenzise ikhasi lonxibelelwano uFacebook  ukubonakalisa ukukhathazeka kwabo ngokubhubha
kukaTantsi.

USinethemba
Jenkins ubhale wathi “ndimkhumbula xa ebambe umboko ehlabelela ethi ‘Onamandla’
yhu! azimele uMM, besingeka yilungeli tu ke le!

Iintliziyo
zibuhlungu ziyasinda, kuse kwamnyama kakhulu.”

U-Amanda Lobi
ubhale wathi “wanga umphefumlo wakhe ungalala ngoxolo ngonaphakande.”

Ziwe phantsi iinzame
zokufumana usodolophu woMasipala uThobeka Bikitsha ngenxa yemfono-mfono yakhe
ibivaliwe.