Azikho iincwadi kwithala leencwadi

EKAPA: IMIZI yamathala eencwadi icela abafundi ababolekayo ukuba babuyise iincwadi ezingama20 000 ezingabangela ilahleko eqikelelwa kwizigidi ezisibhozo zeerandi (R8 million).

Kuthiwa mabazibuyise kule veki kwaye abazukuhlawuliselwa ixesha ebebezigcine ngalo. U-J.P. Smith wesixeko saseKapa uthi kungoku nje amathala akwiphulo lokubuyisa ezi ncwadi zigcinwe ngabo babolekayo. Uthi amathala aziswa ebantwini (mobile) ngawona abethekileyo aneencwadi ezingama2 500 ezingekabuyiswa.

“Amathala eencwadi afumana iincwadi egameni lenkonzo zamathala ephondo. Xa abantu bengabuyisi, ibasisixeko ekufuneka sihlawulele ilahleko,” utsho.

Umphathi waseCape Town Central Library uSipho Faku, uthi zincwadi zabantwana eziquka, uThree Little Pigs, Frozen no Die Lelike Eendjie nencwadi zezibalo, accounting negeography zebanga likaGrade 12 ezingekhoyo.

“Bayasichana kakhulu aba bantu ngoba sesingo ayikho ngoku. Kwacutheka nenani labantu ababesiza oko apha ngoku. Kwakugcwala kusithi qhu apha, kodwa jonga ngoku bambalwa abantu. Andisathethi ngecala labantwana, iishelufa azinanto,” utshilo.

Uthi uSmith unyanisile ukuba ziphelile iincwadi kumathala. “Incwadi wawuyifuna kwelinye ithala kudala xa ingekho kuwe. Kodwa akusenjalo ngoku. Indawo eneencwadi yindawo yokujonga kuphela (reference library). Ziphelile ngenene iincwadi,” utsho.

UNoludwe Vem waseGugulethu Library uthi ziDVD zabantwana ezingabuyiswayo kubo.

“Ewe zikhona neencwadi ezisebantwini kodwa ziDVD ezingekhoyo. Kangangokuba ezo zikhoyo aziphumi nangona ingengomthetho lowo. Ibalusizi xa abantwana befolele incwadi enye. Bade bancame babhalise abanye ukwenzela ayifumane kuqala ukufika kwakhe ngomso,” utsho.

USinethemba Simama ofunda uGrade 12 eSilimela kwaLanga uyangqina ukuba ngenene iincwadi azikho emizini yamathala wazo.

“IiLibrary zizo njengegama ngoku. Andisayi nokuya mna ngoba ndiyayazi andizukuyifumana into endiyifunayo. Abantu sebesiyela iWi-fi kuphela. Nangoku kugcwala abantu abaneelephutophu pha,” utsho.