Azimisele ukusiphula ulaphulo mthetho neengcambu amapolisa aseQonce

Bangaphezu kwamashumi amahlanu abantu ababanjwe bavalelwa ngamapolisa aseQonce kule mpelaveki igqithileyo. Ingxelo yamapolisa ithi aba babanjwe ngexesha amapolisa ebejikeleza ezitalatweni kwindawo ezahlukileyo kule ngingqi.


Aba babanjiwe baminyaka ephakathi kweshumi elinethoba ukuya kumashumi amahlanu. Uninzi labo babanjwe ngenxa yokufunyanwa nedwanguza esitalatweni benxilile,ukuba nemipu engekho mthethweni,ukuba nempahla ezibiweyo ubusela nezinye.

 

Aba batyholwa bazakuvela kwinkundla ezahlukileyo kwingingqi yaseQonce namhlanje okanye ngomso.


UBrigadiye Luntu Ngubelanga wamapolisa aseQonce uthi amapolisa azimisele ukusiphula nengcambu ulaphulo mthetho ebamba evalela bonke abo bachaphazeleka kulaphulo mthetho.


“Sizakuqhubeka namaphulo aloluhlobo kuba sifuna ukuqinisekisa ukuba ulwaphulo mthetho lusitshulwa neengcambu kwizitalato zalengingqi,” uthethe oko uNgubelanga.


La mapolisa akwavakalise amazwi ombulelo kubantu ngokubanzi ngokunikisa ngolwazi olunceda amapolisa ukuba akwazi ukwenza umsebenzi wawo.