Azizinxadanxada amagosa esebe lezolimo eMpuma Koloni

ULungile Monakalo ongumlimi kwifama yakhe eseMonti

Azizinxadanxada amagosa esebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni ezama ukuvala amazibuko ethintela umbungu (Fall armyworm) oqwenga izityalo ezinje ngombona.

Lo mbungu uthe wabonwa kwiphondo laseLimpopo naseMntla Ntshona nothe wabangela ukungazinzi kumafama avelisa umbona.

Igosa elijongene nale ngxaki kwisebe lezolimo nophuhliso lamaphandle, uGqirha Thembakazi Silwana, uthi bazama konke ukuzama ukuthintela ukungena kwalo mbungu kweli phondo.

“Sithetha namasebe ahlukeneeyo achaphazelekayo, sibeka amagosa emideni yeMpuma Koloni, sikwafundisa abelimi ngendlela zokuthintela,nokulwa nalo mbungu xa unokubonwa kweli leMpuma Koloni,” utshilo uSilwana.

Umlimi wombano kwifama iMthimkhulu, eMonti, uLungile Monakali, uthi ukufika kwalo mbungu akusokuze kubaphazamise kuba bakuqhelile ukujongana neengaxaki eziphazamisa ulimo.

“Ngenxa yoncedo esihlala silufumana kurhulumente, ulwazi esinalo namava wethu azakusinceda ukuba silwe ngempumelelo nale ngxaki. Umphathiswa wesebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle kweli phondo, uMlibo Qhoboshiyane, uxelele abantu bephondo leMpuma Koloni ukuba isebe lakhe lizilungiselela ukulwa nale ngxaki.

“Sizama konke esinako ukuqinisekisa ukuba okwangoku ungekangeni lo mbungu apha eMpuma Koloni, sibe sizilungiselela ngokuthintela nokuxhobisa abelimi,”utshilo uQoboshiyane.

Ngokwengxelo lo mbungu ukhe wabonwa kweli leMpuma Koloni ngaphambili, kwaye amagosa karhulumente alwa nawo ngaphandle kwengxaki.

“Ngonyaka ka-2001, 2003 nonyaka ka-2013 ukhe wabonakala lo mbungu, ukuba nguwo, ndiqinisekile ukuba siyakukwazi ukuwoyisa kodwa ukuba ngomnye owahlukileyo – siyakusebenza nzima sisilwa nawo,” uthethe watsho uSilwana.

Ngo-2013 lo mbungu wabangela ilahleko emandla yombona kwiingingqi eziquka i-Alfred Nzo, Amathole, Chris Hani, Joe Gqabi nase-O.R. Tambo.

“Imeko eziguqukayo zemozulu ingakumbi ukunyuka kwamaqondo obushushu nokunqongophala kwemvula zezinye zezinto ezingunobangela walombungu nezinye ingxaki,” ucacise njalo uSilwana.

UQoboshiyane uthi isebe lakhe lalahlekelwa yimali ekwishumi lezigidi zerandi ngenxa yokugqugqisa kwalo mbungu kwiifama zombona eMzantsi Afrika.

Umlawuli oyintloko yela sebe, uLeon Coetzee, uthi baxakeke koomasipala bezama ukufundisa amafama amancinci ngale ngxaki.

“Sithumele iincwadi zembalelwano koosodolophu boomasipala abohlukeneyo ngelizama ukuqinisekisa ukuba banolwazi ngale ngxaki,”utshilo uCoetzee.IMpuma Koloni liphondo eliphila ngokulima nanje ngoko uninzi luhlala ezilalini.

Ukanti uSilwane uthi benza inzame zokubeka imali bucala ukuze bakwazi ukugagana nalengxaki xa ithe yafika eMpuma Koloni.