Babanjelwe ukubulala abazalwa kunye!

Umfanekiso oselugcinweni

BAVELE kwinkundla yamatyala eSomerset East ngoLwesine abafana ababini nabezanayo baseAdelaide abajongene netyala lokuhlaba babulale uMonwabisi Mane obenamashumi amabini enesibhozo ubudala.


Aba, nabaphakathi kwamashumi amabini anesihlanu kwakunye namashumi amabini anesixhenxe ubudala, kuvakala ukuba bapakanyele uMane de bambulala.

Oku kwenzeke ngoLwesibini ngorhatya kwilokishi iLingelethu eAdelaide. 

Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Khaya Tonjeni, uMane ubhaqwe emva kwentsimbi yeshumi elinanye ebusuku enamanxeba kumzimba ongentla kwaye sele ebhubhile.

Ixhoba libhaqwe ngabahlali babe sele bebiza amapolisa.

Uphando oluqhutywe ngamapolisa luye lakhokelela ekubanjweni kwaba babini.
Owona nobangela wokuhlaselwa kukaMane okwangoku awukaziwa. 

Abarhanelwa babekwe ityala lokubulala.