Babanjelwe ukuphanga ivenkile ngethoyi!

Baphakathi kweminyaka elishumi elinesixhenxe (17) ukuya kumashumi amabini anesithandathu (26) ubudala abarhanelwa abathathu abaphange ivenkile eseNomathamsanqa eAddo.

Ngokwengxelo ephuma kuSajini Majola Nkohli, esi sithathu sabarhanelwa singaziwayo singene kwenye yeevenkile ekwisitalato iDuka emva kwentsimbi yesihlanu ngorhatya.

Abarhanelwa bagrogrise osematshinini wemali, bemvezela umpu ovele kancinci ebhegini. Emva koko bathatha isixa semali esingachazwanga bakugqiba babaleka.

Ingxelo iqhuba ithi bakhwele imoto emnyama umbala yohlobo lweVolvo ebibalinde ngaphandle.

UNkohli uthi emva kokuba amapolisa ebikelwe ngokwenzekileyo, avale zonke iikona zaseNomathamsanqa kwangoko, yabhaqwa imoto. Kubanjwe abarhanelwa abathathu kwakunye noosinga-mipu emibini. Ngokophando olwenziweyo aba barhanelwa kufumaniseke benelinye ityala abalenze eGqeberha.

Abarhanelwa babanjiwe. Kulindeleke ukuba bavele phambi kwenkundla yamatyala eAddo kungekudala.