Babanjiwe ababe imfuyo eMthatha

Kubanjwe amadoda asixhenxe aphakathi kwamashumi amabini anesihlanu ukuya kumashumi amathathu anesine ubudala ngamapolisa aseMthatha, emva kokufunyanwa kwawo enamafele egusha efihlwe emva kwendlu yangasese benayo nentsangu.

 

Ngokwengxelo ephuma kumapolisa  ala mmandla,  abarhanelwa aba babanjwe emva kokuba ibutho elijongene nokubiwa kwemfuyo esipoliseni lithe lahletyelwa ngabahlali ekubeni kukho okungaqondakaliyo kumzi othile kwaPayne eMthatha.

 

Isithethi samapolisa uKapteni Mzukisi Fatyela, uthi aba babhaqwe ngoLwesithathu emva kwentsimbi yesihlanu ekuseni ngamapolisa benenyama yegusha abe ona amafele engasese. UFatyela uthi aba bakwafunyenwe benentsangu kwakunye neepilisi ze-mandrax.


Abarhanelwa balindeleleke ukuba bavele phambi kwenkundla yamatyala eMthatha.

 

Indawo yaseBityi eMthatha kwakunye neSulenkama kuQumbu ibezizo ezihamba phambili kumatyala okubiwa kwemfuyo ngethuba kusenziwa iziphumo zeenkcukacha zolwaphulo-mthetho ngamapolisa ephondo.